U‐Jobi 16 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:

2Zininzi izinto ezinjalo endizivileyo; ningabatutuzeli abayinkatazo nina nonke.

3Kuko ukupela na emazwini omoya? okunye utelekiswa yinto nina ukuba upendule?

4Bendingatetayo nam njengani, ukuba umpefumlo wenu ubusesikundleni sompefumlo wam; bendingawafumbelelayo amazwi ngakuni, ndinihlunguzele intloko yam.

5Kodwa ngendinomeleza ngomlomo wam, nokushukuma kwodebe lwam ngekudambisa.

6Ukuba bendiya kuteta, akuyi kudanjiswa ubuhlungu bam; nokuba bendiya kuyeka, ndiya kumkelwa yinto nina?

7Okunene kaloku undidinisile: ucitakalisile wena wonke umhlambi wam;

8waye undibambile mna, kwaba linqi̔na oko; lwaluvuka ngakum ubityo lwam, luyanqi̔na ngasebusweni bam,

9ingqumbo yake iqwengile, uyandizonda; unditshixizele ngamazinyo ake: utshaba lwam luwabazile amehlo alo ngakum.

10Bandakamele ngomlomo wabo; bandibetile esidleleni ngokucekisa; bayandiṙaula kunye.

11 Utixo undinikele kolimenemene, wandeyelisela ezandleni zabakohlakeleyo.

12Bendisekwonwabeni, kodwa wandingcangcazelisa: undibambile ngentamo, wanditi viti; wandimisa ndibe ngumlinganiso kuye.

13Abatoli bake bayandingqonga; uyacanda izintso zam, engenanceba nje; uyapalazela emhlabeni inyongo yam.

14Uyandityobozela ngesityobozelo pezu kwesityobozelo, uyandibalekela njengegoṙa.

15Nditungile intlakantlaka pezu kwentlonze yam; ndingenisile upondo lwam elutulini.

16Ubuso bam budumbile kukulila; isitunzi sokufa sipezu kwenkope zam:

17nokokuba akuko budlwengu ezandleni zam, nokuba umtandazo wam ungcwele.

18Mhlaba! ungaseleli igazi lam; makungabi nandawo nokubiza kwam.

19Ewe, kaloku nje, naliya inqi̔na lam ezulwini, nomboneli wam ezinyangweni.

20Abo bandigculelayo ngabahlobo bam; koko iliso lam litontsela kutixo.

21Akwaba bekungatetelelwayo indoda pambi kwotixo, njengokuba unyana woluntu etetelela umlingane wake!

22Ngokuba yiminyaka emincinane eya kuza, ndandiya kuhamba indlela endingayi kubuya ngayo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help