1NJENGOKUBA ixama lilangazelela imilanjana yamanzi, kwa njalo umpefumlo wam ulangazelela wena, Tixo!
2Umpefumlo wam unxanelwe utixo, kwa utixo ohleliyo: ndoza ninina ndibonakale ebusweni botixo?
3Inyembezi zam bezikukutya kwam emini nasebusuku, nxa bati kum imihla yonke: Upina utixo wako?
4Ndizikumbula nje ezizinto ndiyapalaza umpefumlo wam pakati kwam: ngokuba ndibe ndidlule nesihlwele; ndahamba kakuhle naso endlwini katixo, ngelizwi lomgcobo nelombulelo, kwa nesihlwele sisenza umtendeleko.
5Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, ngenxa yoncedo lwobuso bake.
6 Tixo wam! umpefumlo wam utobekile pakati kwam; ngako oko ndokukumbula ndisezweni lase‐Yoredane, nakwelama‐Heremone, entabeni ye‐Mitsare.
7Inzulu imemeza inzulu ekungxoleni kwengxangxasi zako; onke amaza ako nemisinga yako idlule pezu kwam.
8Emini uyehova woxela kubeko ububele bake, nasebusuku iculo lake liya kuba nam, kwa ukutandaza kutixo wobomi bam.
9Ndoti kutixo: Liwa lam, kunganina ukuba undilibele? kunganina ukuba ndihambe ndilila ngenxa yokubandezela kwotshaba?
10Ngento yokubulala ematanjeni am bayandigxeka abo balana nam, nxa bati kum imihla yonke: Utixo wako upina?
11Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, uncedo lwobuso bam, notixo wam.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.