Amaculo 42 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO XLII.Elokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, konyana baka‐Kora.

1NJENGOKUBA ixama lilangazelela imilanjana yamanzi, kwa njalo umpefumlo wam ulangazelela wena, Tixo!

2Umpefumlo wam unxanelwe utixo, kwa utixo ohleliyo: ndoza ninina ndibonakale ebusweni botixo?

3Inyembezi zam bezikukutya kwam emini nasebusuku, nxa bati kum imihla yonke: Upina utixo wako?

4Ndizikumbula nje ezizinto ndiyapalaza umpefumlo wam pakati kwam: ngokuba ndibe ndidlule nesihlwele; ndahamba kakuhle naso endlwini katixo, ngelizwi lomgcobo nelombulelo, kwa nesihlwele sisenza umtendeleko.

5Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, ngenxa yoncedo lwobuso bake.

6 Tixo wam! umpefumlo wam utobekile pakati kwam; ngako oko ndokukumbula ndisezweni lase‐Yoredane, nakwelama‐Heremone, entabeni ye‐Mitsare.

7Inzulu imemeza inzulu ekungxoleni kwengxangxasi zako; onke amaza ako nemisinga yako idlule pezu kwam.

8Emini uyehova woxela kubeko ububele bake, nasebusuku iculo lake liya kuba nam, kwa ukutandaza kutixo wobomi bam.

9Ndoti kutixo: Liwa lam, kunganina ukuba undilibele? kunganina ukuba ndihambe ndilila ngenxa yokubandezela kwotshaba?

10Ngento yokubulala ematanjeni am bayandigxeka abo balana nam, nxa bati kum imihla yonke: Utixo wako upina?

11Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, uncedo lwobuso bam, notixo wam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help