1YININA ukuba uziqa̔yisele ngenkohlakalo, ṙotindini? ububele bukatixo buko imihla yonke.
2Uyaqinga izinto zobumenemene ngolwimi lwako, njengesitshetshe sokuguya esibukali, usenza ngenkohliso.
3Uyatanda okukohlakeleyo ngapezu kwokulungileyo; nokuxoka ngapezu kwokuteta ubulungisa. Sela.
4Uyatanda onke amazwi entshabalaliso, wena lwimi lwenkohliso.
5Kanjalo utixo wokucita kude kube ngunapakade; wokubamba, akuncotule ententeni yako, akudonyule emhlabeni wabahleliyo. Sela.
6Baye abalungileyo beya kubona, boyike, bahleke pezu kwake, besiti:
7Nanku umntu ongamenzanga amandla ake utixo, kodwa watemba ubuninzi bezake indyebo; wazomeleza ebumenemeneni bake.
8Kodwa mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini katixo: ndiyatembela ebubeleni bukatixo ngonapakade kanapakade.
9Ndokudumisa kude kube ngunapakade, ngokuba ukwenzile oku; ndolinda nokulinda igama lako; ngokuba kulungile ebusweni babangcwele bako.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.