U‐Hezekile 19 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1KANJAKO wena hlabelela inkosana zakwa‐Sirayeli isililo,

2uti:

Ebeyinto nina unyoko? Ebeyingonyamakazi; pakati kwengonyama yalala pantsi, pakati kwengonyamana yawondla amatole ayo.

3Yada yakulisa elinye kwamatole ayo; laba yingonyamana, lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla.

4Zaza izizwe zeva ngalo; esihogweni sazo labanjiswa; zaza zalizisa ngemixokelelwane elizweni le‐Jipete.

5Yati yakubona ukuba ibilindile, nokuba itemba layo libubile, yandula yatabata elinye kwamatole ayo, yalenza ingonyamana.

6Laza lahambahamba pakati kwengonyama; laba yingonyamana; lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla.

7Labazi abahlolokazi babo, nezixeko zabo lazenza amanxuwa; laba bugxwayiba ilizwe, nokuzala kwalo, ngentlokoma yokukonya kwalo.

8Zandula izizwe zazibeka ngakulo ngokungqonga zivela emazwaneni, zalwaneka utambo lwazo pezu kwalo; esihogweni sazo labanjiswa.

9Zaza zalifaka esivalelweni ngemixokelelwane, zalizisa kukumkani we‐Babilone; zalizisa emanqabeni, ukuze ilizwi lalo lingabuyi liviwe pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli.

10Unyoko wako ebenjengomti weveyine ekupumleni kwako, utyelwe ngasemanzini; ube uqa̔mile, wabuzele ngamasebe, ngenxa yamanzi amaninzi.

11Wabunazo intswazi ezinamandla zibe zintonga zabapata ubukosi; babude ubupakamo bawo pezulu pakati kwamagatya abungqingqwa; wabonakala ebudeni bawo, ebuninzini bamasebe awo.

12Kodwa wadonyulwa ngobuṙalaṙume, watiwa kahla emhlabeni, nomoya wasempumalanga washwenyisa iziqa̔mo zawo; zaye zapukile intswazi zawo ezinamandla, zabuna; umlilo wazidla.

13Nakaloku utyelwe entlango, ezweni elomileyo elinxaniweyo.

14Sekupumile umlilo eluswazini lwamasebe awo; iziqa̔mo zawo uzidlile; akuseko kuwo uswazi olunamandla, intonga yokuba kupatwe ubukosi. Sisililo esi, soba yinto yesililo kanjalo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help