1KANJAKO wena hlabelela inkosana zakwa‐Sirayeli isililo,
2uti:
Ebeyinto nina unyoko? Ebeyingonyamakazi; pakati kwengonyama yalala pantsi, pakati kwengonyamana yawondla amatole ayo.
3Yada yakulisa elinye kwamatole ayo; laba yingonyamana, lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla.
4Zaza izizwe zeva ngalo; esihogweni sazo labanjiswa; zaza zalizisa ngemixokelelwane elizweni le‐Jipete.
5Yati yakubona ukuba ibilindile, nokuba itemba layo libubile, yandula yatabata elinye kwamatole ayo, yalenza ingonyamana.
6Laza lahambahamba pakati kwengonyama; laba yingonyamana; lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla.
7Labazi abahlolokazi babo, nezixeko zabo lazenza amanxuwa; laba bugxwayiba ilizwe, nokuzala kwalo, ngentlokoma yokukonya kwalo.
8Zandula izizwe zazibeka ngakulo ngokungqonga zivela emazwaneni, zalwaneka utambo lwazo pezu kwalo; esihogweni sazo labanjiswa.
9Zaza zalifaka esivalelweni ngemixokelelwane, zalizisa kukumkani we‐Babilone; zalizisa emanqabeni, ukuze ilizwi lalo lingabuyi liviwe pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli.
10Unyoko wako ebenjengomti weveyine ekupumleni kwako, utyelwe ngasemanzini; ube uqa̔mile, wabuzele ngamasebe, ngenxa yamanzi amaninzi.
11Wabunazo intswazi ezinamandla zibe zintonga zabapata ubukosi; babude ubupakamo bawo pezulu pakati kwamagatya abungqingqwa; wabonakala ebudeni bawo, ebuninzini bamasebe awo.
12Kodwa wadonyulwa ngobuṙalaṙume, watiwa kahla emhlabeni, nomoya wasempumalanga washwenyisa iziqa̔mo zawo; zaye zapukile intswazi zawo ezinamandla, zabuna; umlilo wazidla.
13Nakaloku utyelwe entlango, ezweni elomileyo elinxaniweyo.
14Sekupumile umlilo eluswazini lwamasebe awo; iziqa̔mo zawo uzidlile; akuseko kuwo uswazi olunamandla, intonga yokuba kupatwe ubukosi. Sisililo esi, soba yinto yesililo kanjalo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.