Amaculo 91 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO XCI.

1OMIYO emfihlelweni yopezu kwonke, uya kuhlala emtunzini wonamandla onke.

2Sendiya kuti ngoyehova: Yindawo yam yokupepela, nenqaba yam; ngutixo wam; ndiya kutembela kuye.

3Ngenyaniso wokuhlangula esigwini somtiyeli wentaka, nasesifeni esibubisayo kakulu.

4Wokugubungela ngentsiba zake, nangapantsi kwamapiko ake uya kutemba: inyaniso yake ilikaka, nekakana.

5Akuyi kwoyika isituso sasebusuku, notolo olubalekayo emini,

6nesifo esibu̔bisayo esihambayo ebumnyameni, nesitshabalaliso esitshabalalisayo emini enkulu.

7Kwowa iwaka ecaleni lako, neshumi lamawaka ngesokunene sako; kuloko kungayi kusondela kuwe.

8Uya kukangela kodwa ngamehlo ako, ubone ukuvuzwa kwabakohlakeleyo.

9Ngenxa yokuba uyehova, indawo yam yokupepela, lo upezu kwonke, umenzile ikaya lako,

10akuyi kuhlelwa bububi, nesibulalo asiyi kusondela endlwini yako.

11Ngokuba eya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine ezindleleni zako zonke.

12Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni.

13Uya kunyatela pezu kwengonyama neṙamba; ingonyama entsha nenamba uya kuzinyatela ngenyawo.

14Ngokuba enditandile kakulu, kukona ndiya kumkulula; ndiya kumbeka enyangweni, ngokuba elazile igama lam.

15Uya kubiza kum, ndimpendule ke; ndoba naye ebunzimeni; ndomkulula, ndimnike udumo.

16Ndiya kumkolisa ngobude bemihla, ndimbonise usindiso lwam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help