Eyesibini ka‐Samyali 22 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1WAZA u‐Davide wawateta kuyehova amazwi eliculo, ngomhla uyehova wamsindisayo esandleni sazo zonke intshaba zake, nasesandleni sika‐Saule:

2wayesiti:

Uyehova uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam;

3utixo wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, ihlati lam, nendawo yokupepela yam, umsindisi wam; uyandisindisa wena ebudlwengwini.

4Ndobiza kuyehova, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.

5Ngokuba amaza okufa ebendiṙaula; imisinga yobunginingini yandoyikisa:

6intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela;

7ebunzimeni bam ndabiza kuyehova, ndabiza kutixo wam; waza weva ilizwi lam esetempileni yake, nokukala kwam kweza ezindlebeni zake.

8Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; amasekwa ezulu ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile.

9Kwenyuka umsi ezimpumlweni zake, nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo.

10Wagoba izulu, wehla; sasitokotoko pantsi kwenyawo zake.

11Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabonakala pezu kwamapiko omoya.

12Ubumnyama wabenza intente ngento emngqongayo, intlanganiso yamanzi, amafu abungqingwa ezulu.

13Ngenkazimlo epambi kwake avuta amalahle omlilo.

14Uyehova wadudumisa ezulwini; opezu konke wanika ilizwi lake.

15Watuma intolo, wabacita; nemibane, wabapitizelisa.

16Kwandula kwabonakala amazantsi olwandle, atyileka amasekwa omhlaba, ngokutetisa kukayehova, ngokuquta kwomoya wempumlo zake.

17Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi;

18wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; nakwabo banditiyayo, ngokuba bebendidlula ngamandla.

19Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa uyehova ebesisixaso kum.

20Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim.

21 Uyehova wandivuza njengobulungisa bam; njengobumhlope bezandla zam wandibuyekezela.

22Ngokuba ndizigcinile indlela zikayehova, ndandingemkanga ngenkohlakalo kutixo wam.

23Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andipambukanga kuyo.

24Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam:

25ngako uyehova undibuyekezele njengobulungisa bam, njengobumhlope bam pambi kwamehlo ake.

26Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kwindoda elungisekile uyazibonakalisa ulungisekile;

27komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa.

28Kanjalo abantu ababandezelweyo uyabasindisa; kodwa amehlo ako angakubo abaner̔atshi, ukuba ubatobise.

29Ngokuba wena usisibane sam, Yehova! uyehova uyakanyisa ubumnyama bam.

30Ngokuba ngawe ndiliwele ibandla; ngotixo wam ndigqitile eludongeni.

31Utixo indlela yake ifezekile ukulunga; ilizwi likayehova licocekile: ulikaka yena kubo bonke abatembela kuye.

32Ngokuba ngubanina ongutixo ngapandle kwoyehova? ngubanina olilityekazi ngapandle kwotixo wetu?

33Utixo uyinqaba yam yamandla; uyamalatisa olungisekileyo indlela yake.

34Uyenza inyawo zam zibe njengezamaxamakazi; uyandimisa ezinyangweni zam.

35Uyafundisa izandla zam ukulwa, side sityedwe isipeta sexina ngengalo zam.

36Undipile ikaka losindiso lwako; ukululama kwako kundenze mkulu.

37Wabusenza banzi ukunyatela kwam pantsi kwam; ati amaqata am akahexa.

38Ndaputuma intshaba zam, ndazitshabalalisa; andabuya ndada ndazigqibela.

39Ndazigqibela, ndazityumza, azabuya zivuke; zawa pantsi kwenyawo zam.

40Ngokuba ubundibinqela ukulwa ngamandla; ubatobisile pantsi kwam abo babevuka ngakum:

41wandinika umhlana wentshaba zam, ndize ndibapelise abanditiyayo.

42Bakangela, kodwa bekungeko osindisayo; kwa kuyehova, kodwa akabapendula.

43Ndaza ndabacolekisa njengotuli lwomhlaba; ndabanqusha njengenkunkuma yesitarate, ndabangqisha.

44Kanjalo undikulule emapikeni abantu bam, wandigcina ndibe yintloko yentlanga; abantu endingabazanga bayandikonza.

45Abasemzini bayazenzisa kum; ngokuva kwendlebe bayapulapula kum.

46Abasemzini bayasinya, bayabinqa bapume ezinqatyeni zabo.

47 Uyehova uhleli; malibongwe ilityekazi lam; makadunyiswe utixo wam, ilityekazi losindiswa lwam.

48Ngutixo ondenzela impindezelo, oweyelisa abantu pantsi kwam,

49ondipumisa ezintshabeni zam: wena undipakamisele ngapezulu kwabo bavuka ngakum; undikulule emntwini wobudlwengu.

50Ngako oko ndobulela kuwe, Yehova! pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako:

51owandisa intsindiswa zokumkani wake; owenza ububele kumtanjiswa wake, ku‐Davide, nakuyo inzalo yake kude kube ngunapakade.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help