1WAZA u‐Davide wawateta kuyehova amazwi eliculo, ngomhla uyehova wamsindisayo esandleni sazo zonke intshaba zake, nasesandleni sika‐Saule:
2wayesiti:
Uyehova uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam;
3utixo wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, ihlati lam, nendawo yokupepela yam, umsindisi wam; uyandisindisa wena ebudlwengwini.
4Ndobiza kuyehova, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.
5Ngokuba amaza okufa ebendiṙaula; imisinga yobunginingini yandoyikisa:
6intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela;
7ebunzimeni bam ndabiza kuyehova, ndabiza kutixo wam; waza weva ilizwi lam esetempileni yake, nokukala kwam kweza ezindlebeni zake.
8Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; amasekwa ezulu ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile.
9Kwenyuka umsi ezimpumlweni zake, nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo.
10Wagoba izulu, wehla; sasitokotoko pantsi kwenyawo zake.
11Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabonakala pezu kwamapiko omoya.
12Ubumnyama wabenza intente ngento emngqongayo, intlanganiso yamanzi, amafu abungqingwa ezulu.
13Ngenkazimlo epambi kwake avuta amalahle omlilo.
14Uyehova wadudumisa ezulwini; opezu konke wanika ilizwi lake.
15Watuma intolo, wabacita; nemibane, wabapitizelisa.
16Kwandula kwabonakala amazantsi olwandle, atyileka amasekwa omhlaba, ngokutetisa kukayehova, ngokuquta kwomoya wempumlo zake.
17Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi;
18wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; nakwabo banditiyayo, ngokuba bebendidlula ngamandla.
19Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa uyehova ebesisixaso kum.
20Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim.
21 Uyehova wandivuza njengobulungisa bam; njengobumhlope bezandla zam wandibuyekezela.
22Ngokuba ndizigcinile indlela zikayehova, ndandingemkanga ngenkohlakalo kutixo wam.
23Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andipambukanga kuyo.
24Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam:
25ngako uyehova undibuyekezele njengobulungisa bam, njengobumhlope bam pambi kwamehlo ake.
26Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kwindoda elungisekile uyazibonakalisa ulungisekile;
27komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa.
28Kanjalo abantu ababandezelweyo uyabasindisa; kodwa amehlo ako angakubo abaner̔atshi, ukuba ubatobise.
29Ngokuba wena usisibane sam, Yehova! uyehova uyakanyisa ubumnyama bam.
30Ngokuba ngawe ndiliwele ibandla; ngotixo wam ndigqitile eludongeni.
31Utixo indlela yake ifezekile ukulunga; ilizwi likayehova licocekile: ulikaka yena kubo bonke abatembela kuye.
32Ngokuba ngubanina ongutixo ngapandle kwoyehova? ngubanina olilityekazi ngapandle kwotixo wetu?
33Utixo uyinqaba yam yamandla; uyamalatisa olungisekileyo indlela yake.
34Uyenza inyawo zam zibe njengezamaxamakazi; uyandimisa ezinyangweni zam.
35Uyafundisa izandla zam ukulwa, side sityedwe isipeta sexina ngengalo zam.
36Undipile ikaka losindiso lwako; ukululama kwako kundenze mkulu.
37Wabusenza banzi ukunyatela kwam pantsi kwam; ati amaqata am akahexa.
38Ndaputuma intshaba zam, ndazitshabalalisa; andabuya ndada ndazigqibela.
39Ndazigqibela, ndazityumza, azabuya zivuke; zawa pantsi kwenyawo zam.
40Ngokuba ubundibinqela ukulwa ngamandla; ubatobisile pantsi kwam abo babevuka ngakum:
41wandinika umhlana wentshaba zam, ndize ndibapelise abanditiyayo.
42Bakangela, kodwa bekungeko osindisayo; kwa kuyehova, kodwa akabapendula.
43Ndaza ndabacolekisa njengotuli lwomhlaba; ndabanqusha njengenkunkuma yesitarate, ndabangqisha.
44Kanjalo undikulule emapikeni abantu bam, wandigcina ndibe yintloko yentlanga; abantu endingabazanga bayandikonza.
45Abasemzini bayazenzisa kum; ngokuva kwendlebe bayapulapula kum.
46Abasemzini bayasinya, bayabinqa bapume ezinqatyeni zabo.
47 Uyehova uhleli; malibongwe ilityekazi lam; makadunyiswe utixo wam, ilityekazi losindiswa lwam.
48Ngutixo ondenzela impindezelo, oweyelisa abantu pantsi kwam,
49ondipumisa ezintshabeni zam: wena undipakamisele ngapezulu kwabo bavuka ngakum; undikulule emntwini wobudlwengu.
50Ngako oko ndobulela kuwe, Yehova! pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako:
51owandisa intsindiswa zokumkani wake; owenza ububele kumtanjiswa wake, ku‐Davide, nakuyo inzalo yake kude kube ngunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.