1VUYELELANI kuye uyehova, nina balungileyo! indumiso ifanelekile kwabalungisekileyo.
2Dumisani uyehova ngekinore; culani kuye ngenebele ezintambo zilishumi.
3Mvumeleni iculo elitsha; lungisani ukubeta ngentsholo enkulu.
4Ngokuba ilizwi likayehova lilungile; nawo wonke umsebenzi wake ngowenyaniso.
5Uyatanda ubulungisa nobugwebo: umhlaba uzele bububele bukayehova.
6Ngelizwi likayehova kwenziwa izulu, nangomoya womlomo wake wonke umkosi walo.
7Uyabuta amanzi olwandle njengemfumba; uyabeka inzulu ezindaweni zokubekela.
8Wonke umhlaba mawoyike pambi kwoyehova; bonke abemi belizwe mabahlonele yena.
9Ngokuba eke wateta, kwabako ke; waxela, kwema kwenqi ke.
10Uyehova utshabalalisile icebo labaheyideni; utshitshisile amaqinga entlanga.
11Icebo likayehova lima limi kude kube ngunapakade, namaqinga entliziyo yake kwisizukulwana ngesizukulwana.
12Hai itamsanqa lesizwe esi tixo u nguyehova; nelabantu abaqashileyo babe lilifa lake!
13Uyehova uyakangela esezulwini; uyabona bonke onyana boluntu.
14Kwa sendaweni yokuhlala kwake uyabonela bonke abemi bomhlaba.
15Uyadala zonke intliziyo zabo kunye; uyagqala zonke izenzo zabo.
16Akuko kumkani usindiswayo bubuninzi bomkosi; iṙoti alihlangulwa bubukulu bamandla.
17Ihashe libuxoki ekusindiseni; aliyi kusindisa nangobukulu bamandla alo.
18Bona ke, iliso likayehova lingakubo abamoyikayo; lingakubo abatembela ebubeleni bake;
19ukuhlangula umpefumlo wabo ekufeni, nokubapilisa ngexesha lendlala.
20Umpefumlo wetu uyalinda uyehova; uncedo lwetu nekaka letu nguye.
21Ngokuba intliziyo yetu iya kuvuya ngaye; ngokuba sitembele egameni lake elingcwele.
22Ububele bako, Yehova! mabube pezu kwetu, njengokuba sitemba kuwe.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.