1LEZA ilizwi likayehova kum kanjako, lisiti:
2Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakulo usapo luka‐Hamoni, uprofiteshe pezu kwalo.
3Uze uti kulo usapo luka‐Hamoni:
Yivani ilizwi lenkosi likayehova: itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba ubusiti, Tshotsho! ngakuyo indawo yam engcwele, ngokuba inco̔lisekile; nangakulo ilizwe lakwa‐Sirayeli, ngokuba licitakele; nangakuyo indlu ka‐Juda, ngokuba beyile ekutinjweni;
4ngako oko, bona ke, ndiya kukunikela esandleni samadoda asempumalanga ube yimfuyo: ukuze ahlalise ilali zawo kuwe, enze kuwe nentlalo zawo: wona aya kudla isiqa̔mo sako, kanjalo wona aya kusela amasi ako.
5Ndandiya kuyenza i‐Raba ibe liṙiwa lenkamela, nosapo luka‐Hamoni lube yindawo yokubutuma kwegusha; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
6Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba uyenze intlombe ngezandla, nokuba ungqishile ngonyawo, nokuba uvuyile ngako konke ukucekisa kwako ngompefumlo, ngakulo ilizwe lakwa‐Sirayeli;
7ngako oko, bona ke, ndiya kwolula isandla sam pezu kwako, ndikunike ube lixoba ezintlangeni; ndandiya kukunqamla ezizweni, ndikububise kwa semazweni: ndokutshabalalisa; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
8Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba u‐Mowabi no‐Sehire besiti: Bona ke, indlu ka‐Juda injengazo zonke intlanga;
9ngako oko, bona ke, ndiya kuvula icala lakwa‐Mowabi ezixekweni, ezixekweni zake ezisesipelweni sake, ezibubuhle belizwe, i‐Bete‐yeshimote, i‐Balimehone, ne‐Kiriyatayime.
10Kuwo amadoda asempumalanga, ngapezu kwelizwe losapo luka‐Hamoni, sendiya kulinika libe yimfuyo; ukuze usapo luka‐Hamoni lungabi sakunjulwa pakati kwentlanga.
11Nakwa‐Mowabi ndiya kuyenza imigwebo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
12Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokwenza kwo‐Edome ngokwenza impindezelo kwindlu ka‐Juda; nokuba bezuzile ityala elikulu, bezipindezele nje pezu kwabo;
13ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndiya kwolula isandla sam napezu kwe‐Edome, ndinqamle kuyo abantu nezilo; ndandiya kuyenza ibe bugxwayiba kwa se‐Temani kude kube nase‐Dedane; baya kuwa ngeṙele.
14Ndandiya kubeka impindezelo yam pezu kwe‐Edome, ngesandla sabantu bam o‐Sirayeli: abaya kwenza e‐Edome ngokwengqumbo yam, nangokwobuṙalaṙume bam: kwa njalo baya kuyazi impindezelo yam, itsho inkosi e nguyehova.
15Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokwenza kwama‐Filistiya ngempindezelo; nokuba ezenzele impindezelo ngokucekisa kwompefumlo, ukutshabalalisa ngobutshaba bakudala;
16ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kwolula isandla sam pezu kwama‐Filistiya, ndiwanqamle ama‐Keriti, nditshabalalise isisalela sabaselunxwemeni lwolwandle.
17Ndandiya kuzenza pezu kwabo impindezelo ezinkulu ngezohlwayo zobuṙalaṙume; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakubeka impindezelo yam pezu kwabo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.