1EMNYAKENI u‐Taratane wafikayo e‐Ashedode, (okuya wabetunyiwe ngu‐Saragone ukumkani we‐Asiriya,) walwa ngakuyo i‐Ashedode, wayibamba;
2kwa ngeloxesha wateta uyehova ngo‐Yisaya unyana ka‐Amotse, esiti: Hamba, utukulule intlakantlaka esinqeni sako, nezihlangu zako zisuse ezinyaweni zako. Wenje njalo ke, ehamba zé, engenazihlangu.
3Wayesiti uyehova: Njengokuba isicaka sam u‐Yisaya besihamba zé, singenazihlangu, iminyaka yamitatu, singumqondiso nommangaliso pezu kwe‐Jipete napezu kwe‐Tiyopiya;
4kwa njalo ukumkani we‐Asiriya uya kubafudusa ababanjwa base‐Jipete nabatinjwa base‐Tiyopiya, abafana namaxego, bezé, bengenazihlangu, behlubulukile isibunu, libe lihlazo le‐Jipete.
5Baya kwoyika badanele i‐Tiyopiya itemba labo, ne‐Jipete uqa̔yiso lwabo.
6Abemi balomhlaba baya kuti ngomhla lowo: Bona ke, linjalo itemba letu, apo sisabele kona kuncedwe, ukuze sikululwe kukumkani we‐Asiriya: sesiya kuti nina ukusinda ke?
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.