U‐Yoshuwa 2 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1KEKALOKU u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, wasusa amadoda amabini e‐Shitime ukuya kuhlola ngasese, esiti: Hambani, niye kukangela ilizwe, ne‐Jeriko. Ahamba ke, aya angena endlwini yompinyiswa, ogama lingu‐Rakabi, alala kona.

2Kwaza kwabikwa kukumkani we‐Jeriko, kusitwa: Nanga amadoda efikile apa ngobusuku evela elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuza kupanda ilizwe.

3Waza ukumkani we‐Jeriko watumela ku‐Rakabi, ukuti: Kupani amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yako; ngokuba efikile ukuza kupanda lonke ilizwe.

4Yabe inkazana leyo itabatile lomadoda omabini, yawafihla; yaza yatsho ukuti: Kwafika amadoda kum, kodwa bendingawazi avela pina.

5Kwaza kwati, kwakuvalwa isango, nxa kuza kuba mnyama, andula amadoda lawo apuma; andiwazi aye ngapina lomadoda; waputumeni kamsinyane, ngokuba niya kuwafumana.

6Kanti ibiwenyusele pezu kwendlu, yawafihla ngapantsi kwamasebe omyaṙa, abecwangcisiwe yiyo pezu kwendlu.

7Asuka amadoda awaputuma ngendlela yase‐Yoredane, ngasemazibukweni: kwaza kwavalwa isango, emveni kwokuba sebepumile abo bawaputumayo.

8Engekalali wona, yenyuka yona yaya kuwo pezu kwendlu;

9yayisiti emadodeni lawo: Ndiyazi ukuba uyehova unipile elilizwe, nokuba isoyikeko senu siwile pezu kwetu, nokuba bancamile bonke abemi belizwe ngenxa yenu.

10Ngokuba sivile okokuba uyehova wanitshisela amanzi olwandle olubomvu, ekupumeni kwenu e‐Jipete; noko enanikwenza kokumkani bobabini baba‐Amori, abebepesheya kwe‐Yoredane, ku‐Sihone naku‐Hogi, enabalahlela ekutshabalaleni.

11Sati sakuva, zanyibilika intliziyo zetu, kanjako akwabi sahlala ubugagu emntwini, ngenxa yenu: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye o ngutixo ezulwini pezulu, nasemhlabeni pantsi.

12Ngako kaloku, kenindifungele uyehova, ukuba, njengokuba ndenzele nina ububele, nani niya kwenzela indlu kabawo ububele, nindinike umqondiso wenyaniso:

13ukuba niya kulondoloza behleli ubawo, noma̔, nabazalwana bam, nodade bam, nabo bonke banabo; nokuba niya kusindisa ubomi betu ekufeni.

14Aza ati kuyo amadoda lawo: Ubomi betu mabube sendaweni yobenu ukufa! ukuba anixeli lendawo yetu: kuya kwandula ukuti, nxa uyehova asinikayo ilizwe, sokwenzela ububele nenyaniso.

15Yandula yawahlisa ngentsontelo ngefenstile: ngokuba indlu yayo ibipezu kwodonga lwesixeko, kanjalo yona yahlala pezu kwodonga.

16Yayisiti kuwo: Hambani niye entabeni, hleze bafumanane nani abaputumayo; nize nizimele apo intsuku zibe ntatu, bade babuye abaputumayo; niti kamva nihambe ngendlela yenu.

17Ati kuyo amadoda lawo: Soba msulwa kwesisifungiso sako usifungisile ngaso.

18Bona ke, sakufika elizweni, uya kubopa lentambo yentsinga ezibomvu efenstileni usihlisile ngayo; noyihlo, nonyoko, nabazalwana bako, nabo bonke abendlu kayihlo, nobabutela kuwe endlwini.

19Kuya kwandula ukuti, osukuba epuma ngengcango zendlu yako aye pandle, igazi lake malibe pezu kweyake intloko, siti tina singabi natyala; nosukuba enawe endlwini, igazi lake malibe pezu kwentloko yetu, ukuba isandla sipezu kwake.

20Kodwa ukuba uyaxela lendawo yetu, sesiya kuba msulwa kuso isifungiso sako usifungisile ngaso.

21Yati yona: Makube njalo njengamazwi enu. Yaza yawandulula, emka ke; kanjalo yabopa lontambo ibomvu efenstileni.

22Asuka emka, aya entabeni, ahlala kona intsuku zantatu, bada babuya abaputumayo: ngokuba abaputumayo bebewafunile endleleni yonke, kanti abawafumana.

23Ada abuya lomadoda omabini, ehla entabeni, awela ke, aza kufika ku‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, ambalisela zonke izinto ezibahlileyo.

24Ayesiti ku‐Yoshuwa: Okunene uyehova unikile ezandleni zetu ilizwe lonke; ngokuba kwa bonke abemi belizwe bencamile ngenxa yetu.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help