1NDIYA kumbonga uyehova ngamaxesha onke; udumo lwake luya kuba semlonyeni wam futi.
2Umpefumlo wam uya kuqa̔yisa ngoyehova; abalulamileyo bova bavuye.
3Yenzani nam ukumenza mkulu uyehova; masipakamise kunye igama lake.
4Ndafuna uyehova, wandipendula ke, wandikulula kuzo zonke izoyiko zam.
5Bakangela kuye, bakanyiswa ke; ubuso babo bebungenakudana.
6Elihlwempu labiza, wati uyehova weva, walisindisa kuzo zonke imbandezelwa zalo.
7Ingelosi kayehova iyamela abo bamoyikayo ngokungqonga, ibakulule.
8Yivani nibone ukuba uyehova ulungile; unetamsanqa lomntu umtembayo.
9Yoyikani uyehova, nina bangcwele bake! ngokuba kungeko kuswela kwabo bamoyikayo.
10Ingonyamana ziyaswela, zive ukulamba; kodwa abafuni bakayehova abayi kuswela nto ilungileyo.
11Yizani, lusapo! nipulapule kum; ndiya kunifundisa ukwoyika uyehova.
12Nguwupina lomntu okanuka ukudliwa kwobomi, otanda imihla, ukuze abone ukulunga?
13Bamba ulwimi lwako lungayi enkohlakalweni, nomlomo wako ungateti inkohliso.
14Suka enkohlakalweni, wenze okulungileyo; funa uxolo, uluputume ke.
15Amehlo kayehova angakubo abalungileyo, nendlebe zake zingakuko ukukala kwabo.
16Ubuso bukayehova bungakubo abenzi benkohlakalo, ukuze kunqanyulwe ukukunjulwa kwabo emhlabeni.
17Bayakala abalungileyo, uyeva ke uyehova; nakuzo zonke imbandezelwa zabo uyabahlangula.
18Uyehova ukufupi nabo banentliziyo eyapukileyo; uyasindisa abo banomoya ogqobokileyo.
19Zininzi intsizi zolungileyo, kodwa kuzo zona zonke uyehova uyamkulula.
20Uyagcina amatambo ake onke; akuko nalinye kuwo elapulwayo.
21Ububi buya kubulala okohlakeleyo; nabo batiya olungileyo bomiselwa ityala.
22Uyehova uyakulula imipefumlo yezicaka zake: nabatemba yena akuko namnye oya kumiselwa ityala.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.