U‐Hamose 8 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Yenje nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: kekaloku nasi isitya seziqa̔mo zehlobo.

2Yaisiti: Yinto nina uyibonayo, Hamose! Ndati: Sisitya seziqa̔mo zehlobo. Waza wati uyehova kum:

Ukupela sekufikele abantu bam o‐Sirayeli; andisayi kupinda ndidlule kubo.

3Ingoma zendlukazi zoba zizililo ngomhla lowo, itsho inkosi e nguyehova; izidumbu zoba zininzi; kuzo zonke indawo kuya kulahlwa ngokuti tu.

4Yivani oku, nina ninxameleyo abasweleyo! ukuze nigqibele amahlwempu elizwe,

5nisiti: Yopela ninina inyanga etwasileyo, ukuba sitengise ngenqolowa; nesabata, ukuba sivulele inkozo? nisenza iyefa ibe ncinane, neshekele ibe nkulu, nipata ngobuxoki izilinganiselo zenkohliso:

6ukuze sitenge amahlwempu ngemali, nabasweleyo ngesibini sezihlangu; siti namakoba enkozo sitengise ngawo.

7 Uyehova ufungile ubungcwalisa buka‐Yakobi, esiti: Ngenyaniso andisayi kulibala zonke izenzo zabo napakade!

8Ilizwe aliyi kungcangcazela na ngenxa yoku? nabo bonke abemiyo kulo abayi kulila na? liya kunyuka lipela njengomlambo; liya kukukuliswa, lintywiliswe nokuntywiliswa, njengangawo umlambo wase‐Jipete.

9Kwakuya kuti ngalomhla, itsho inkosi e nguyehova, ndolitshonisa ilanga emini enkulu, ndilenze ilizwe libe mnyama pakati kwemini esileyo.

10Ndoyiguqula imitendeleko yenu ibe kukulila, nazo zonke ingoma zenu zibe kukukala; ndiya kunyusela pezu kwazo zonke izinqe intlakantlaka, napezu kwentloko zonke ubunqai; ndandiya kulenza ilizwe njengokulilelwa umntwana oyedwa, nokupela kwalo njengomhla oṙaṙa.

11Bona ke, imihla iyeza, itsho inkosi e nguyehova, nxa ndiya kutuma indlala elizweni: ingeyeyokulanjelwa isonka, ingeyeyokunxanelwa amanzi, iyeyokuva amazwi kayehova.

12Boti abantu babadule kolunye ulwandle kude kube lolunye ulwandle, nakuyo inode kude kube sempumalanga; baya kusukasuka ngokulifuna ilizwi likayehova, kanti abayi kulifumana.

13Ngomhla lowo ziya kucubuka intombi zipela ezintle, namadodana, linxanwa:

14abafungayo ityala le‐Samariya, batsho ukuti: Bomi botixo wako, Dane! nokuti: Bomi besiko le‐Beresheba! bowa kwa bona, bangabuyi bapakame.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help