U‐Hezekile 15 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1LAYE ilizwi likayehova lisiza kum, lisiti:

2Nyana woluntu! uyinto nina umti weveyine ngapezu kwemiti yonke, nesebe lawo ngapezu kwapakati kwemiti yehlati?

3Kwotatyatwa kuwo na umti wokwenza isetyenzwa? umhlaumbi baya kutabata kuwo ibaxa na, ukuba kuxo̔nywe pezu kwalo enye impahla?

4Bona ke, unikwa emlilweni ube zinkuni; incam zawo zombini umlilo uyazitshisa, nompakati wawo uṙaukile; ulungele isetyenzwa na?

5Bona ke, wakuba upela, awenzelwa isetyenzwa; kancinane kangakananina ngakumbi ke, nxa umlilo uwutshisile, nanxa uṙaukile, ungayi kuba usenzelwa isetyenzwa?

6Ngako oko, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Njengomti weveyine pakati kwemiti yehlati, endiwunikileyo emlilweni ube zinkuni, kwa njalo ndibanikile abemi base‐Yerusaleme.

7Ndandiya kumisa ubuso bam ngakubo; baya kupuma komnye umlilo, wandule omnye umlilo ubadle; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakubeka ubuso bam ngakubo.

8Nelizwe ndiya kulenza bugxwayiba, ngenxa yokuba benzile ngobumenemene kakulu, itsho inkosi e nguyehova.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help