Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 2 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Kodwa ndagweba oku ngokwam ukuti andiyi kubuya ndize kuni ngosizi.

2Ngokuba mna ukuba ndiyanenza lusizi, ngubanina ke ondivuyisayo, kupela ngulowo owenziwa lusizi ngam?

3Kanjalo lento ekwa yiyo yona ndayiba̔la kuni, ukuze nditi ndakufika ndingabi nosizi kubo abo bendifanele ukuba nokuvuya ngabo; ndinokutemba kuni nonke nje, ukuba olwam uvuyo lulolwenu nonke.

4Ngokuba ndiselubandezelweni olukulu nasebunzimeni bentliziyo ndaba̔la kuni ngenyembezi ezininzi; bekungekukuba nenzwe lusizi, bekukukuba nilwazi olotando endinalo kakulu ngakumbi ke ngakuni.

5Kodwa ukuba umntu wenzile usizi, akandenzelanga usizi mna, koko ngokwenxenye (ukuze ndingabeki kuye into esindayo) enenzele lona nina nonke.

6Kwanele onjalo okukwohlwayiwa okwenziwa ngabo abaninzi.

7Kwa njalo ke ngelinye icala nifanele ngakumbi ukumxolela nokumonwabisa, hleze kungati onjalo aginyelwe lusizi oluninzi kakulu.

8Ngako oko ndiyanikunga ukuba niqinise utando lwenu ngakuye.

9Ngokuba ndaba̔lela kwa oku kanjalo, ukuze ndikwazi ukulingwa kwenu, ukuba nipulapula ezintweni zonke na.

10Lowo ke enimxolelayo into, ndiyamxolela nam: ngokuba nam ukuba ndixolele into, lowo ndimxoleleyo, ndamxolela ngenxa yenu, ebusweni buka‐Kristu;

11ukuze singalunyukiswa ngu‐Satane: ngokuba amaqinga ake singenakungawazi.

12Kanjako, ndakufika e‐Tirowa ngenxa yevangeli ka‐Kristu, nanxa bendivulelwe ucango enkosini,

13ndandingenakupumla emoyeni wam, ekubeni bendingafumani u‐Titusi umzalwana wam; koko ndibabulisile nje ndemkayo ukuya e‐Masedoniya.

14KODWA makubulelwe kutixo, oti ngamaxesha onke asenze soyise ku‐Kristu, nevumba lokwaziwa kwake alibonakalise ngati kuzo zonke indawo.

15Ngokokuba silivumba elimnandi lika‐Kristu kuye utixo, pakati kwabo basindiswayo, napakati kwabo babubayo:

16kwabanye silivumba lokufa kube kukufa; kwabanye silivumba lobomi bube bubomi. Kanti ngubanina ozilinganele ezizinto?

17Ngokuba singenjengabo abaninzi, siligxengela ilizwi likatixo nje; koko njengabobunene, koko njenga bakatixo, ebusweni bukatixo, sitetayo ku‐Kristu.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help