U‐Yoshuwa 20 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1WABUYA wateta uyehova ku‐Yoshuwa, esiti:

2Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Zinikeleni izixeko zesipepelo, endanditeta ngazo kuni ngesandla sika‐Mosesi:

3ukuba kusabele kona umbulali ombulele umntu ubomi ngesiposo, kungengokwazi; zoba yindawo yokupepela kuni ngenxa yompindezeli wegazi.

4Waeya kusabela kwesinye ezixekweni ezo, eme emnyango wesango lesixeko, atete amazwi ake ezindlebeni zabadala besosixeko, abaya kumamkela esixekweni kubo, bamnike indawo, ukuba ahlale nabo.

5Naxeshekweni umpindezeli wegazi amputumayo, abayi kunikela umbulali lowo esandleni sake; ngokuba engambetanga ummelwane wake ngokwazi, engamtiyanga ngamaxesha apambili kanjako.

6Waeya kuhlala kwesosixeko, ade eme ebusweni bentlanganiso ukuba kugwetywe, umhlaumbi kude kufe umperisite omkulu oya kubako ngezontsuku; andule abuye umbulali lowo, eze esixekweni sakowabo, nasendlwini yake, esixekweni apo abesaba kona.

7Lwaza lwahlula i‐Kedeshe yase‐Galili entabeni yakwa‐Nefatali, ne‐Shekeme entabeni yakwa‐Frayime, ne‐Kiriyate‐areba, ekwa yiyo i‐Hebrone, entabeni yakwa‐Juda.

8Napesheya kwe‐Yoredane malungana ne‐Jeriko ngasempumalanga, lwanika i‐Betsere esentlango, ezweni elibutafa, kwisizwe sika‐Rubene; ne‐Ramote ese‐Gileyadi, kwisizwe sika‐Gadi; ne‐Golane ese‐Bashane, kwisizwe sika‐Manase.

9Zizo ezi izixeko ezibe zimiselwa lwonke usapo luka‐Sirayeli, nowasemzini obepambukele pakati kwalo, ukuba asabele kona osukuba ebulala umntu ngesiposo; aze angafi ngesandla sompindezeli wegazi, engekemi ebusweni bentlanganiso.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help