1BULELANI kuyehova, ngokuba elungile: ngokuba ububele bake bungunapakade.
2Bulelani kutixo katixo: ngokuba ububele bake bungunapakade.
3Bulelani kwinkosi kankosi: ngokuba ububele bake bungunapakade.
4Kwa kuye owenza yedwa imimangaliso emikulu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
5Kwa kuye owenza izulu ngengqondo: ngokuba ububele bake bungunapakade.
6Kwa kuye owatwabulula umhlaba pezu kwamanzi: ngokuba ububele bake bungunapakade.
7Kwa kuye owenza izikanyiso ezikulu: ngokuba ububele bake bungunapakade:
8ilanga lokupata emini: ngokuba ububele bake bungunapakade:
9inyanga nenkwenkwezi zokupata ebusuku: ngokuba ububele bake bungunapakade.
10Kwa kuye owabeta ama‐Jipete emazibulweni awo: ngokuba ububele bake bungunapakade:
11waza waku̔pa u‐Sirayeli pakati kwawo: ngokuba ububele bake bungunapakade:
12ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo: ngokuba ububele bake bungunapakade.
13Kwa kuye owahlula ulwandle olubomvu lube zizahluko: ngokuba ububele bake bungunapakade:
14waza waweza u‐Sirayeli pakati kwalo: ngokuba ububele bake bungunapakade:
15kodwa wavutulula u‐Faro nempi yake elwandle olubomvu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
16Kwa kuye owakokela abantu bake entlango: ngokuba ububele bake bungunapakade.
17Kwa kuye owabeta okumkani abakulu: ngokuba ububele bake bungunapakade:
18nowabulala okumkani abadumileyo: ngokuba ububele bake bungunapakade:
19u‐Sihone ukumkani waba‐Amori: ngokuba ububele bake bungunapakade:
20no‐Hogi ukumkani we‐Bashane: ngokuba ububele bake bungunapakade:
21wanika umhlaba wabo ube lilifa: ngokuba ububele bake bungunapakade:
22ube lilifa ku‐Sirayeli isicaka sake: ngokuba ububele bake bungunapakade.
23Osikumbuleyo ebupantsini betu: ngokuba ububele bake bungunapakade:
24wasikulula ezintshabeni zetu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
25Owamkelisa yonke inyama ukudla: ngokuba ububele bake bungunapakade.
26Bulelani kuye utixo wezulu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.