1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2Yalela usapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni ningenayo elizweni le‐Kanane: (eli lilizwe eliya kuwa kuni libe lilifa, ilizwe le‐Kanane kunye nemida yalo:)
3Elasesuyide icala lenu loba sentlango ye‐Tsine, ngasemacaleni ase‐Edome; kanjalo owasesuyide umda wenu woba sesipelweni solwandle olutyuwa ngasempumalanga:
4waye lomda wenu uya kujika apo esuyide uye eqineni lase‐Hakerabime, udlulele ngase‐Tsine; nokupuma kwawo kwoba sesuyide kude kube se‐Kadeshebaneha; wauya kupumela e‐Hatsare‐aradi, udlulele ngase‐Hatsemone;
5wandule ujike umda lowo e‐Hatsemone uye emlanjeni wase‐Jipete; nokupela kwawo kwoba selwandle.
6Nomda wasentshonalanga, noba nolwandle olukulu, nomda wakona: nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasentshonalanga.
7Kanjalo nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasenode: niqala elwandle olukulu niya kuzibalulela intaba ye‐Hore;
8nitabata entabeni ye‐Hore niya kubalula kude kungenwe e‐Hamati; nokupumela kwalomda kwoba ngase‐Tsedade;
9kwandule kupume lomda uye e‐Ziperone; nokupela kwawo kwoba e‐Hatsare‐henani: nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasenode.
10Naniya kuzibalulela umda wasempumalanga uqale e‐Hatsare‐henani uye e‐Shefame;
11waye umda lowo uya kuhla e‐Shefame uye e‐Ribela, ngasempumalanga ye‐Hayine; uya kuhla kanjalo lomda, ufikele ecaleni lolwandle lwase‐Kinerete ngasempumalanga;
12wobuya uhle lomda uye ngase‐Yoredane; nokupela kwawo kwoba selwandle olutyuwa.
Eli loba lilizwe lenu kunye nemida yalo engqongayo.
13Waza u‐Mosesi wayalela usapo luka‐Sirayeli, esiti: Leli ilizwe eniya kwamkela lona libe lilifa ngeqashiso, owaxela uyehova ukuba linikwe kuzo izizwe ezilitoba nesiqingata sesizwe:
14ngokuba isizwe sosapo luka‐Rubene, ngendlu zoyise zalo, nesizwe sosapo luka‐Gadi, ngendlu zoyise zalo, sezamkele zona; kanjalo isiqingata sesizwe sika‐Manase sesamkele ilifa laso:
15izizwe ezibini nesiqingata sesizwe zamkele ilifa lazo nganeno kwe‐Yoredane apa, malungana ne‐Jeriko ngapambili, ngasekupumeni kwelanga.
16Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
17Ngawo la amagama awo amadoda aya kwabela kuni ilizwe: ngu‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune.
18Naniya kutabata inkosi ibe nye ngesiswe ngesizwe, kuze kwabiwe ilizwe.
19Namagama alamadoda ngawo la: eyesizwe sika‐Juda, ngu‐Kalebi unyana ka‐Jefune;
20neyesizwe sosapo luka‐Simone, ngu‐Shemuweli unyana ka‐Hamihude;
21neyesizwe sika‐Benjamine, ngu‐Elidade unyana ka‐Kiselone;
22neyesizwe sosapo luka‐Dane, yinkosi u‐Buki, unyana ka‐Yogeli;
23eyosapo luka‐Josefe, — eyesizwe sosapo luka‐Manase, yinkosi u‐Haniyeli, unyana ka‐Efode;
24neyesizwe sosapo luka‐Frayime, yinkosi u‐Kemuweli, unyana ka‐Shifetane;
25neyesizwe sosapo luka‐Zebulone, yinkosi u‐Elitsafane, unyana ka‐Panaki;
26neyesizwe sosapo luka‐Yisakare, yinkosi u‐Palatiyeli, unyana ka‐Hazane;
27neyesizwe sosapo luka‐Ashere, yinkosi u‐Ahihude, unyana ka‐Shelomi;
28neyesizwe sosapo luka‐Nefatali, yinkosi u‐Pedaheli, unyana ka‐Hamihude.
29Ngaba abo uyehova wabayalela ukuba babele usapo luka‐Sirayeli ilifa, elizweni le‐Kanane.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.