1YIBA nofefe kum, Tixo! ndinxanyelwe ngumntu; esilwa imihla yonke nje, uyandincinezela.
2Abandihlolayo bandinxamele imihla yonke: ngokuba bebaninzi abalwayo nam ngoqanqalazo.
3Mhlana ndoyikayo, ndiya kutembela kuwe.
4Kutixo ndiya kudumisa ilizwi lake; nditembele kutixo, andiyi kwoyika; inyama ingenza nto nina kum?
5Imihla yonke bayawajika amazwi am: onke amaqinga abo angawobubi ngakum.
6Bayabutelana, bayazifihla, bayahlola imikondo yam, ekubeni balinda ubomi bam.
7Baya kusinda ngenkohlakalo na? kahlela abantu ngengqumbo, Tixo!
8Imbadulo zam uzibalile wena: faka inyembezi zam entsubeni yako; aziko encwadini yako na?
9Mhlana ndibizayo, oko intshaba zam ziya kubuya ngomva: oku ndiya kwazi; ngokuba utixo engecala lam.
10Kutixo ndiya kudumisa ilizwi lake; kuyehova ndiya kudumisa ilizwi lake.
11Nditembele kutixo, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum?
12Izibambiso zako zipezu kwam, Tixo! ndiya kuhlaula kuwe ngemibulelo.
13Ngokuba uhlangule umpefumlo wam ekufeni: akuyi kuhlangula inyawo zam ekuweni na, ndize ndihambe ebusweni botixo ekukanyeni kwabahleliyo?
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.