Amaculo 56 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO LVI.Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, ngokwe‐Yonate?-?eleme‐rekokime, imikitame ka‐Davide, okuya wabanjwa ngama‐Filistiya e‐Gate.

1YIBA nofefe kum, Tixo! ndinxanyelwe ngumntu; esilwa imihla yonke nje, uyandincinezela.

2Abandihlolayo bandinxamele imihla yonke: ngokuba bebaninzi abalwayo nam ngoqanqalazo.

3Mhlana ndoyikayo, ndiya kutembela kuwe.

4Kutixo ndiya kudumisa ilizwi lake; nditembele kutixo, andiyi kwoyika; inyama ingenza nto nina kum?

5Imihla yonke bayawajika amazwi am: onke amaqinga abo angawobubi ngakum.

6Bayabutelana, bayazifihla, bayahlola imikondo yam, ekubeni balinda ubomi bam.

7Baya kusinda ngenkohlakalo na? kahlela abantu ngengqumbo, Tixo!

8Imbadulo zam uzibalile wena: faka inyembezi zam entsubeni yako; aziko encwadini yako na?

9Mhlana ndibizayo, oko intshaba zam ziya kubuya ngomva: oku ndiya kwazi; ngokuba utixo engecala lam.

10Kutixo ndiya kudumisa ilizwi lake; kuyehova ndiya kudumisa ilizwi lake.

11Nditembele kutixo, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum?

12Izibambiso zako zipezu kwam, Tixo! ndiya kuhlaula kuwe ngemibulelo.

13Ngokuba uhlangule umpefumlo wam ekufeni: akuyi kuhlangula inyawo zam ekuweni na, ndize ndihambe ebusweni botixo ekukanyeni kwabahleliyo?

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help