1UTIXO wotixo, uyehova, utetile, wamema umhlaba kwa sekupumeni kwelanga kude kube sekutshoneni kwalo.
2Kuyo i‐Ziyone, ikupela kwobuhle, utixo ukazimlile.
3Utixo wetu uya kuza, angati cwaka: umlilo wodla ebusweni bake; uqwitela olukulu luya kumngqonga.
4Uya kubiza izulu kwa pezulu, nomhlaba, ukuze agwebe abantu bake.
5Butelani kum abangcwele bam, abo balwenzileyo ucebano nam ngombingo.
6Laye izulu liya kushumayela ubulungisa bake; ngokuba utixo engumgwebi ngokwake. Sela.
7Yivani, bantu bam! ndandiya kuteta; yiva, Sirayeli! ndandiya kunqi̔na ngakuwe: ndi ngutixo, kwa utixo wako.
8Andiyi kukwohlwaya ngenxa yemibingo yako, namadini okutshiswa ako, esebusweni bam futi nje.
9Andiyi kutabata nkabi endlwini yako, nenkunzi zebokwe esibayeni sako:
10ngokuba zonke izilo zehlati zizezam, nenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
11Ndiyazazi zonke intaka zentaba; nenyamakazi zezindle zizezam.
12Ukuba bendilambile, ngendingatsho kuwe; ngokuba ilizwe lilelam, nokuzala kwalo.
13Ndiya kudla inyama yenkunzi na? ndiya kusela igazi lebokwe na?
14Nikela kutixo umbulelo; ufeze izibambiso zako kopezu kwonke;
15ubize kum emhleni wobunzima; ndokukulula, wauya kundidumisa.
16Kodwa kokohlakeleyo uti utixo: Kuyinto nina kuwe, ukushumayela izimiselo zam, nokuba ucebano lwam ulucole ngomlomo wako?
17ulutiyile nje ululeko, namazwi am uwaposile emva kwako nje.
18Ute wakubona isela, waseluvumelana nalo; bukunye nabaṙexezi ubukolwane bako.
19Umlomo wako uwuyekele enkohlakalweni, nolwimi lwako luyadala inkohliso.
20Uyahlala uteta ngakuye umninawe wako; uyahleba unyana wonyoko.
21Ezizinto uzenzile, ndati cwaka mna; waba ndingonjengawe kanye: kodwa ndokwohlwaya, ndicwangcise emehlweni ako.
22Gqalani ke oku, nina nilibala utixo! hleze ndiqwenge, kungabiko okululayo.
23Osukuba enikela umbulelo uyandidumisa; nolungisa indlela yake ndombonisa usindiso lukatixo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.