Ingoma ka‐Solomone 8 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Akwaba ubunjengomninawe kum, obesanya amabele kama̔! ukuba ndakufumana ngapandle, ngendikwanga, ndingadelwa noko.

2Ngendikukokela, ndikungenise endlwini kama̔; ngeundifundisa wena: ngendikuseza kwiveyine inento eshushu, nakwamanzi am egranate.

3Isandla sake sokohlo masibe ngapantsi kwentloko yam, nesokunene sake sindisingate.

4Ndiyanifungisa, nina zintombi zase‐Yerusaleme! ukuba ningavusi, nokuba ningavuseleli utando lwam, lude luvume.

5NGUBANINA lo evela elubala, esayama kwisitandwa sake?

Ngapantsi kwomti weapele ndavusa utando lwako: kona apo waba nenimba ngawe unyoko, kona apo waba nenimba owakuzalayo.

6Ndibeke njengesincamatiselo pezu kwentliziyo yako, njengesincamatiselo pezu kwengalo yako: ngokuba utando lunamandla njengokufa; ikwele lilukuni njengehadesi; amalahle alo ngamalahle omlilo, lilangatye elidangazelayo kakulu.

7Amanzi amaninzi akanakucima utando, nemisinga ayingelukukulise: ukuba umntu ebeya kunika yonke impahla esendlwini yake ngenxa yotando, inge igqityelwa ukudelwa.

8Udade wetu umncinane, akanamabele: sesiya kwenzela nto nina udade wetu, mhlana kuya kutetwa ngaye?

9Ukuba uludonga, siya kuyaka pezu kwake inqatyana yesilivere; nokuba ulucango, siya kumvingcela ngeplanke zesedare.

10Ndiludonga mna, namabele am anjengenqaba: oko bendisemehlweni ake njengofumanayo uxolo.

11U‐Solomone ebenomyezo e‐Bali‐hamoni; wawuqashisela kubalindi umyezo lowo; bati abanye ngabanye, ngenxa yeziqa̔mo zawo, bazisa iwaka leshekele zesilivere.

12Umyezo wam, lowo ndinawo, upambi kwam: iwaka elo libe lelako, Solomone! namakulu mabini abe ngawabalindi beziqa̔mo zawo.

13Wena uhlalayo ezitiyeni! amakolwane ayapulapula elizwini lako: ndivise mna.

14Baleka, sitandwa sam! uxelise ibadikazi, umhlaumbi itole lamaxama, pezu kwentaba yezimnandi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help