1KWABEKUTE kamva, beza u‐Mosesi no‐Arone, bati ku‐Faro: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bandulule abantu bam, baye bandenzele umtendeleko entlango.
2Koko wati u‐Faro: Ungubanina uyehova, okokuba ndipulapule ilizwi lake ukubandulula o‐Sirayeli? uyehova andimazi, no‐Sirayeli andiyi kubandulula.
3Baza bati: Utixo wama‐Hebere uhlangene nati; makesiye ngoko ihambo yemihla ibe mitatu entlango, ukuya kubingela uyehova, utixo wetu, hleze asiwele ngesifo esibubisayo, umhlaumbi ngesiṙele.
4Wandul’ ukuti kubo ukumkani we‐Jipete: Kunganina, Mosesi no‐Arone! ukuba nenze abantu bayeke imisebenzi yabo? hambani niye emitwalweni yenu.
5Walekela wati u‐Faro: Bona ke, abantu belizwe sebebaninzi nje, niya kubapumza na emitwalweni yabo?
6Wati ngoko u‐Faro kwa ngalomini, wayalela inkosi zomsebenzi zabantu, namagosa abo, ngokuti:
7Aniyi kupinda ukunika abantu inca yokwenza izitene, njengexesha lapambili; mabaye bona bazibutele inca.
8Kodwa inani lezitene, babefudula besenza lona pambili, niya kulibeka pezu kwabo noko; aniyi kuncipisa nto kulo: ngokuba benqena; kungoko bakalayo, besiti: Masihambe siye kubingela utixo wetu.
9Maibe inkonzo inzima pezu kwamadoda la, ukuze asebenze kuyo, angabekeli amazwi obuxoki.
10Kwaza kwapuma inkosi zomsebenzi zabantu, namagosa abo, bateta ebantwini, besiti: Utsho u‐Faro ukuti: Andisayi kuninika inca.
11Hambani nina, niye kuzitabatela inca apo ningayifumana kona; kodwa akuyi kuncitshiswa nento enkonzweni yenu.
12Baza abantu batiwa sa kulo lonke ilizwe le‐Jipete, ukuya kubuta indiza endaweni yenca.
13Zasuka inkosi zomsebenzi zanxamisa, zisiti: Fezani imisebenzi yenu, into yemini ngemini yayo, njengokuya bekuko inca.
14Kwaye kubetwa amagosa osapo luka‐Sirayeli, lawo zibe ziwamisile pezu kwalo inkosi zomsebenzi zika‐Faro, kwatiwa: Kunganina ukuba ningafezanga umsebenzi eniwumiselweyo, ngokwenza izitene, kwa izolo nanamhla, njengexesha lapambili?
15Andula amagosa osapo luka‐Sirayeli aya akala ku‐Faro, esiti: Yinina ukuba wenje nje ezicakeni zako?
16Ayiko inca enikelwa izicaka zako; kodwa izitene, kutiwa kuti, nizenze noko: kanjalo, bona ke, izicaka zako zibetwa, kanti ngabantu bako abonayo.
17Kuloko wati: Niyanqena nina, niyanqena; kungoko nitshoyo ukuti: Masiye sibingele uyehova.
18Hambani ke kaloku, nisebenze; ngokuba ningayi kunikwa inca; kodwa inani lezitene niya kunikela lona noko.
19Aza abona amagosa osapo luka‐Sirayeli ukuba asebubini, kusitwa nje: Aniyi kuncipisa nto eziteneni zenu zomsebenzi wenu wemihla ngemihla.
20Aye ehlangana no‐Mosesi no‐Arone, abebemi malungana nawo, ekupumeni kwawo ku‐Faro,
21ati kubo: Makabone uyehova pezu kwenu, agwebe; ngokokuba ivumba letu nilinukisile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni ezicaka zake, kude kunikwe isiṙele esandleni sabo sokusibulala.
22Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Nkosi! kunganina ukuba ubapete kakubi ababantu? kunganina lento unditumileyo?
23Ngokuba kwa kuseloko ndafikayo ku‐Faro, ukuza kuteta egameni lako, ubapete kakubi yena ababantu; kanjalo akusindisanga abantu bako nakanye.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.