I‐Kesodusi 5 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1KWABEKUTE kamva, beza u‐Mosesi no‐Arone, bati ku‐Faro: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bandulule abantu bam, baye bandenzele umtendeleko entlango.

2Koko wati u‐Faro: Ungubanina uyehova, okokuba ndipulapule ilizwi lake ukubandulula o‐Sirayeli? uyehova andimazi, no‐Sirayeli andiyi kubandulula.

3Baza bati: Utixo wama‐Hebere uhlangene nati; makesiye ngoko ihambo yemihla ibe mitatu entlango, ukuya kubingela uyehova, utixo wetu, hleze asiwele ngesifo esibubisayo, umhlaumbi ngesiṙele.

4Wandul’ ukuti kubo ukumkani we‐Jipete: Kunganina, Mosesi no‐Arone! ukuba nenze abantu bayeke imisebenzi yabo? hambani niye emitwalweni yenu.

5Walekela wati u‐Faro: Bona ke, abantu belizwe sebebaninzi nje, niya kubapumza na emitwalweni yabo?

6Wati ngoko u‐Faro kwa ngalomini, wayalela inkosi zomsebenzi zabantu, namagosa abo, ngokuti:

7Aniyi kupinda ukunika abantu inca yokwenza izitene, njengexesha lapambili; mabaye bona bazibutele inca.

8Kodwa inani lezitene, babefudula besenza lona pambili, niya kulibeka pezu kwabo noko; aniyi kuncipisa nto kulo: ngokuba benqena; kungoko bakalayo, besiti: Masihambe siye kubingela utixo wetu.

9Maibe inkonzo inzima pezu kwamadoda la, ukuze asebenze kuyo, angabekeli amazwi obuxoki.

10Kwaza kwapuma inkosi zomsebenzi zabantu, namagosa abo, bateta ebantwini, besiti: Utsho u‐Faro ukuti: Andisayi kuninika inca.

11Hambani nina, niye kuzitabatela inca apo ningayifumana kona; kodwa akuyi kuncitshiswa nento enkonzweni yenu.

12Baza abantu batiwa sa kulo lonke ilizwe le‐Jipete, ukuya kubuta indiza endaweni yenca.

13Zasuka inkosi zomsebenzi zanxamisa, zisiti: Fezani imisebenzi yenu, into yemini ngemini yayo, njengokuya bekuko inca.

14Kwaye kubetwa amagosa osapo luka‐Sirayeli, lawo zibe ziwamisile pezu kwalo inkosi zomsebenzi zika‐Faro, kwatiwa: Kunganina ukuba ningafezanga umsebenzi eniwumiselweyo, ngokwenza izitene, kwa izolo nanamhla, njengexesha lapambili?

15Andula amagosa osapo luka‐Sirayeli aya akala ku‐Faro, esiti: Yinina ukuba wenje nje ezicakeni zako?

16Ayiko inca enikelwa izicaka zako; kodwa izitene, kutiwa kuti, nizenze noko: kanjalo, bona ke, izicaka zako zibetwa, kanti ngabantu bako abonayo.

17Kuloko wati: Niyanqena nina, niyanqena; kungoko nitshoyo ukuti: Masiye sibingele uyehova.

18Hambani ke kaloku, nisebenze; ngokuba ningayi kunikwa inca; kodwa inani lezitene niya kunikela lona noko.

19Aza abona amagosa osapo luka‐Sirayeli ukuba asebubini, kusitwa nje: Aniyi kuncipisa nto eziteneni zenu zomsebenzi wenu wemihla ngemihla.

20Aye ehlangana no‐Mosesi no‐Arone, abebemi malungana nawo, ekupumeni kwawo ku‐Faro,

21ati kubo: Makabone uyehova pezu kwenu, agwebe; ngokokuba ivumba letu nilinukisile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni ezicaka zake, kude kunikwe isiṙele esandleni sabo sokusibulala.

22Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Nkosi! kunganina ukuba ubapete kakubi ababantu? kunganina lento unditumileyo?

23Ngokuba kwa kuseloko ndafikayo ku‐Faro, ukuza kuteta egameni lako, ubapete kakubi yena ababantu; kanjalo akusindisanga abantu bako nakanye.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help