Amaculo 98 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO XCVIII.Iculo.

1VUMANI kuyehova iculoelitsha; ngokuba wenzile imimangaliso: isandla sake sokunene, nengalo yake eyingcwele, zimenzele usindiso.

2Uyehova wazisile usindiso lwake; ubulungisa bake ubutyilile emehlweni abaheyideni.

3Ukumbule ububele bake nenyaniseko yake ngakuyo indlu yo‐Sirayeli: zonke incam zomhlaba zibonile usindiso lwotixo wetu.

4Dandulukani ngovuyo kuyehova, mhlaba wonke! gqabukani, nigcobe, nicule nokucula.

5Culani kuyehova ngekinore; ngekinore, nangelizwi leculo.

6Ngamaxilongo, nangelizwi lopondo, yenzani intsholo ebusweni bukayehova ukumkani.

7Ulwandle malugqume, nokuzala kwalo; ilizwe, nabahleli kulo.

8Imilambo mayenze intlombe; intaba mazigcobe kunye

9ebusweni bukayehova: ngokuba esiza kugweba umhlaba: uya kugweba ilizwe ngobulungisa, nezizwe ngokufanelekileyo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help