1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Kwa namhla nje isikalazo sam sibuṙaṙa; isibetwa sam sinzima ngapezu kwokugula kwam.
3Andabi ndibe ndisazi apo ndingamfumana kona! ndinge ndisiza kwa sesihlalweni sake.
4Ngendilungiselela ityala lam pambi kwake; nomlomo wam ngendiwuzalisa ngezizatu.
5Ngendiwazi amazwi aya kundipendula ngawo; ndiqonde into aya kuyiteta kum.
6Kungobukulu bamandla na uya kupika nam? Hai ke; uya kubeka amandla kum.
7Apo ke olungisayo angapikisana naye; ngako ngendigqibela ukusinda emgwebini wam.
8Bona ke, ndiya ngasempumalanga, kodwa akako kona; nangasentshonalanga, kodwa andingemqiqe;
9ngasenode, apo asebenzela kona, kodwa andingemkangele: uyazisibekelisa ngasesuyide, ukuba andingembone.
10Kodwa uyazi indlela endinayo; akuba endilingile, ndiya kuvela njengegolide.
11Unyawo lwam lubambile umkondo wake; indlela yake ndiyigcinile, andipambukanga ke.
12Umyalelo womlomo wake andimkanga nakuwo; ngapezu kwowam ummiso ndizibekele iziteto zomlomo wake.
13Kodwa uyedwa yena, ngubanina ke ongamnqandayo? oko umpefumlo wake ukukanukayo, uya kukwenza kona.
14Ngokuba eya kufeza okundimiselweyo: zinaye nezininzi izinto ezinjalo.
15Ngako oko ndinevuso pambi kwobuso bake; ndakugqala, ndiyamoyika.
16Ngokuba utixo eyenza butataka intliziyo yam; usomandla uyanditusa:
17ngenxa yokuba bendinganqanyulwa bungekabiko ubumnyama, nokuba engagubungelanga isitokotoko ebusweni bam.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.