1INTLANGO nelizwe elomileyo zogcoba ngenxa yabo, nobala luya kuvuyelela, lutyatyambe njengembali.
2Luya kutyatyamba ngokukulu, luvuye nokuvuya, kwa ngokuvuyelela nangokucula: luya kunikwa ubungcwalisa be‐Lebanone, inkazimlo ye‐Karamele ne‐Sharone: baya kubona ubungcwalisa bukayehova, inkazimlo katixo wetu.
3Yomelezani izandla ezipolelweyo, namadolo ahexayo niwaqinise.
4Yitini kwabantliziyo inkwantyayo: Yomelelani, ningoyiki; nanku utixo wenu! impindezelo iyeza, ukuvuza kukatixo; yena uya kuza anisindise.
5Oko amehlo emfama aya kutyilwa, nendlebe zezitulu zovulwa.
6Oko isiqwala siya kutsiba njengexama, nolwimi lwesidenge luya kucula: ngokuba amanzi eya kutyoboza entlango, nemilanjana elubala.
7Isanga soba licibi, nomhlaba onxaniweyo woba ngamatende amanzi; esikundleni sencu̔ka, apo zibutuma kona, kwobako indawo yengcongolo nemikanzi.
8Kwakuya kubako kona umendo opakamileyo, nendlela, eya kubizwa ngokuti yindlela ebungcwele; onco̔lileyo akayi kudlula ngayo, koko iya kuba yeyabo bona; abahambi, noko bazizidenge, abasakulahleka.
9Akuyi kubako ingonyama kona; kanjalo iṙamncwa eliqwengayo aliyi kunyuka pezu kwayo; alisayi kufunyanwa kona: kodwa abakululweyo baya kuhamba ngayo.
10Ngokuba abahlaulelweyo bakayehova beya kubuya, beze e‐Ziyone ngokucula; uvuyo olungunapakade lwoba pezu kwentloko zabo; baya kuzuza umgcobo novuyo, kubaleke usizi nokugula.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.