U‐Yisaya 35 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1INTLANGO nelizwe elomileyo zogcoba ngenxa yabo, nobala luya kuvuyelela, lutyatyambe njengembali.

2Luya kutyatyamba ngokukulu, luvuye nokuvuya, kwa ngokuvuyelela nangokucula: luya kunikwa ubungcwalisa be‐Lebanone, inkazimlo ye‐Karamele ne‐Sharone: baya kubona ubungcwalisa bukayehova, inkazimlo katixo wetu.

3Yomelezani izandla ezipolelweyo, namadolo ahexayo niwaqinise.

4Yitini kwabantliziyo inkwantyayo: Yomelelani, ningoyiki; nanku utixo wenu! impindezelo iyeza, ukuvuza kukatixo; yena uya kuza anisindise.

5Oko amehlo emfama aya kutyilwa, nendlebe zezitulu zovulwa.

6Oko isiqwala siya kutsiba njengexama, nolwimi lwesidenge luya kucula: ngokuba amanzi eya kutyoboza entlango, nemilanjana elubala.

7Isanga soba licibi, nomhlaba onxaniweyo woba ngamatende amanzi; esikundleni sencu̔ka, apo zibutuma kona, kwobako indawo yengcongolo nemikanzi.

8Kwakuya kubako kona umendo opakamileyo, nendlela, eya kubizwa ngokuti yindlela ebungcwele; onco̔lileyo akayi kudlula ngayo, koko iya kuba yeyabo bona; abahambi, noko bazizidenge, abasakulahleka.

9Akuyi kubako ingonyama kona; kanjalo iṙamncwa eliqwengayo aliyi kunyuka pezu kwayo; alisayi kufunyanwa kona: kodwa abakululweyo baya kuhamba ngayo.

10Ngokuba abahlaulelweyo bakayehova beya kubuya, beze e‐Ziyone ngokucula; uvuyo olungunapakade lwoba pezu kwentloko zabo; baya kuzuza umgcobo novuyo, kubaleke usizi nokugula.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help