1AMEHLO am ndowapakamisela ezintabeni, apo luya kuvela kona uncedo lwam.
2Uncedo lwam luvela kuyehova, owenza izulu nomhlaba.
3Akayi kuvumela ukuba kushukunyiswe unyawo lwako: okugcinayo akayi kwozela.
4Kangela, ogcina u‐Sirayeli akayi kwozela, angalali nobutongo.
5Nguyehova okugcinayo: uyehova ungumtunzi wako kwesokunene sako.
6Ilanga aliyi kukubeta emini, nenyanga ebusuku.
7Uyehova wokugcina ebubini bonke; wogcina umpefumlo wako.
8Uyehova wogcina ukupuma kwako nokungena kwako, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.