Amaculo 6 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO VI.Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote ngokwesheminiti.

1YEHOVA! zungandohlwayi ngengqumbo yako, zungandibeti ngomsindo wako.

2Yehova! ndipate ngofefe; ngokuba ndicubukile: ndipilise, Yehova! ngokuba amatambo am enokutuswa;

3kwa nompefumlo wam unokutuswa kakulu: kodwa wena, Yehova! kwoba kade kangakananina?

4Buya, Yehova! kulula umpefumlo wam: ndisindise ngenxa yezibele zako.

5Ngokuba ekufeni kungeko ukukumbula wena: ngubanina oya kubulela kuwe encw̔abeni?

6Ndidiniwe kukugula kwam; bonke ubusuku ndiyadadisa umandlalo wam; ndiyanyela ikoye yam ngenyembezi zam.

7Iliso lam selonakele yinkatazo; liyalupala ngenxa yabo bonke abalane bam.

8Mkani kum, nonke nina benzi benkohlakalo! ngokuba uyehova evile ilizwi lokulila kwam.

9Uyehova uvile isikungo sam; uyehova uya kwamkela intandazo yam.

10Zonke intshaba zam zodaniswa, zituswe kakulu; zobuya zidaniswe ngesiqupe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help