1NIKELANI kuyehova, nina bakulu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla.
2Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake; bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele.
3Ilizwi likayehova lipezu kwamanzi; utixo wobungcwalisa uyadudumisa; uyehova upezu kwamanzi amaninzi.
4Ilizwi likayehova linamandla; ilizwi likayehova linobungangamsha.
5Ilizwi likayehova liyapula isedare; ewe, uyehova uziti viti isedare zase‐Lebanone.
6Uyazitsibisa njengetole; kwa i‐Lebanone ne‐Siriyone njengetole lenyati.
7Ilizwi likayehova liyanqika amalangatye omlilo.
8Ilizwi likayehova liyangcangcazelisa intlango; uyehova uyangcangcazelisa intlango yase‐Kadeshe.
9Ilizwi likayehova liyapunzisa amaxamakazi, liyawahluba namahlati: kanjalo etempileni yake bonke bakona bayateta ngobungcwalisa bake.
10 Uyehova waehleli pezu kwomsinga wamanzi; ewe, uyehova uhleli engukumkani kude kube ngunapakade.
11Uyehova uya kunika abantu bake amandla; uyehova uya kutamsanqelisa abantu bake ngoxolo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.