1BEKELA umtandazo wam indlebe, Tixo! ungazifihli ekukungeni kwam.
2Ndipulapule, undipendule: ndiyapalapala ekukalazeni kwam, ndenze impitimpiti;
3ngenxa yelizwi lotshaba, ngenxa yokubandezela kwokohlakeleyo: ngokuba beposa ububi pezu kwam, bendizonda ngomsindo.
4Intliziyo yam inokututumela pakati kwam; izoyikeko zokufa zindiwele.
5Kufike ukwoyika nokunkwantya pezu kwam; ingcangcazelo indigubungele.
6Ndaza ndati: Andaba ndapiwa amapiko njengehobe! bendiya kubaleka, ndipumle.
7Kangela, bendiya kusabela kude, ndihlale entlango. Sela.
8Bendiya kukaulezisa ukusinda kwam emoyeni oqutayo naseluqwiteleni.
9Tshabalalisa, Nkosi! yahlula ulwimi lwabo; ngokuba ndibonile ubudlwengu nenkani esixekweni.
10Emini nasebusuku ziyasiṙaula pezu kwendonga zaso; kuko inkohlakalo nobubi pakati kwaso.
11Ubumenemene bupakati kwaso; akumki ubuqinga nenkohliso enkundleni yaso.
12Ngokuba, asi lulo utshaba lo undigxekileyo; ngendinyamezele oko: asi ngonditiyileyo lo uzenze mkulu ngakum; ngendimzimele yena:
13koko enguwe, wena mntu ulingana nam, umkokeli wam, nomazane wam:
14esibe sinikana icebo ngokumnandi, sahambela endlwini katixo ngesipitipiti sovuyo.
15Ukufa makubaqubule, mabehlele ehadesi behleli; ngokuba kuko izinto ezikohlakeleyo emzini wabo, napakati kwabo.
16Ndiya kubiza kutixo mna; waeya kundisindisa uyehova.
17Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu, ndiya kuteta, ndigule; waeya kuva ilizwi lam.
18Ukulule umpefumlo wam wawubeka eluxolweni kuyo imfazwe ebingakum; ngokuba bebengakum ngobuninzi.
19Utixo uya kuva, ababandezele, kwa yena uhleliyo kwa kudala. Sela.
Ngenxa yokuba kungeko ziguquguquko kubo, abamoyiki ngoku utixo.
20Uzolule izandla zake ngakwabo babexolene naye: utshitshisile ucebano lwake.
21Umlomo wake waubutelezi ngapezu kwamafuta esibozi; kanti imfazwe ibisentliziyweni yake: amazwi ake ebegqitisile ioli ngokutamba; kanti ebengamaṙele ar̔oliweyo noko.
22Lahlela kuyehova umtwalo wako; wokuxasa ke yena: akasayi kuza avume ukuba olungileyo ashukunyiswe.
23Kodwa wena, Tixo! uya kubahlisela emnxunyeni wentshabalalo; abantu begazi nabenkohliso abayi kuqingatisa imihla yabo: kodwa mna ndiya kutembela kuwe.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.