1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Ute nina ukumnceda lowo ongenamandla, nokuyisiza ingalo engenakwomelela!
3Ute nina ukumcebisa ongenabulumko, nokwazisa ukuba njalo kwendawo ngokukolisa!
4Uwaxele ngobanina amazwi lawo? ngumoya kabanina owapuma kuwe?
5Abafileyo bayangcangcazela, — indawo ezipantsi kwamanzi, nabemi bazo.
6Ihadesi izé pambi kwake; nentshabalalelo ayinaso isigubungelo.
7Uyolula inode pezu kwokungendawo; uyaxo̔ma umhlaba pezu kwokungento.
8Uyabopa amanzi emafini ake abungqingqwa; alicandeki noko ilifu ngapantsi kwawo.
9Uti vingci ubuso beterone; uyatwabulula ilifu lake pezu kwayo.
10Umda ojikelezayo uwenzile pezu kwobuso bamanzi, kude kupele ukukanya ebumnyameni.
11Intsika zezulu ziyadidiza; ziti nqa ngokukalimela kwake.
12Ngamandla ake uyazolisa ulwandle; nangayo ingqondo yake uliti kahla ir̔atshi.
13Ngomoya wake uwakazimlisile amazulu; isandla sake sadala inyoka ebalekayo.
14Bona ke, le yimida yendlela yake; kanjalo yintsebezo engakanana yelizwi esiyivile ngaye! kodwa ududumo lwamandla ake ngubanina ongaluqiqayo?
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.