U‐Hosheha 9 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1UNGAVUYI, Sirayeli! kude kuvuyelelwe, njengezizwe: ngokuba umkile kutixo wako ngombulo; uwutandile umvuzo ezibayeni zonke zenqolowa.

2Isibaya nesincinezelo seveyine aziyi kubamkelisa ukutya, neveyine entsha yona yobatshitshela.

3Abayi kuhlala elizweni likayehova; kodwa u‐Frayime wobuyela e‐Jipete, nase‐Asiriya baya kukudla okunco̔lileyo.

4Abayi kutululela uyehova iveyine, kanjalo ayiyi kuba mnandi kuye imibingo yabo; yoba njengesonka sabalusizi kubo; bonke abadlayo kuso baya kunco̔liswa: ngokuba isonka sabo soba sesompefumlo wabo; asiyi kungena endlwini kayehova.

5Seniya kwenza nto nina emhleni wentlanganisano, nasemhleni womtendeleko kayehova?

6Ngokuba, bona ke, bemkile ngenxa yembubiso; i‐Jipete yobabuta, i‐Mofe yobancw̔aba; indawo ezinqwenelekileyo zesilivere yabo, amaṙau ozifuya; ameva oba sezintenteni zabo.

7Imihla yokwohlwaya seifikile, imihla yokupindezela seifikile; u‐Sirayeli uya kuyazi: umprofite usisidenge, umntu womoya uyageza, ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, nangenxa yenzondo enkulu.

8Umlindi ka‐Frayime u notixo wam; kodwa umprofite usisigu somtiyeli wentaka ezindleleni zake zonke, uyinzondo endlwini yotixo wake.

9Bandisile ukuzonakalisa, njengasemihleni ye‐Gibeha: woyikumbula inkohlakalo yabo, uya kwohlwayela izono zabo.

10Ndamfumana u‐Sirayeli njengedreyive entlango; ndababona oyihlo benu njengolibo lwomkiwane ekuqaleni kwa lo; kodwa baya ku‐Bali‐pehori, bazahlulela kwelohlazo; baba buntshontsho, njengoko bakutandayo.

11U‐Frayime, ubungcwalisa babo bobaleka njengentaka, kwa sekuzalweni, nasesizalweni, nasekukaulweni.

12Nakuba bakulisa abantwana, sendiya kubahluta bona, bangabiko pakati kwabantu: koko kuya kuba nzima kubo, nxa ndimkayo kubo!

13U‐Frayime, njengokuba ndabona i‐Tire, utyaliwe endaweni emnandi; kodwa u‐Frayime wopuma nabantwana bake ukuya kumbulali.

14Banike, Yehova! uya kunika nto nina? banike isisu esipumayo, namabele omileyo.

15Yonke inkohlakalo yabo ise‐Gilegale; ngokuba apo ndabatiya; ngenxa yenkohlakalo yezenzo zabo, ndobagxota endlwini yam; andisayi kubuya ndibatande; zonke inkosana zabo zingabanenkani.

16U‐Frayime ubetiwe, ingcambo yabo yomile; abayi kuhlanza iziqa̔mo: ewe, nangona bazalayo, ndoti noko ndikufise okutandekileyo kwesizalo sabo.

17Utixo wam wobalahla, ngokuba bengampulapulanga: boba ngamadungadunga pakati kwezizwe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help