1USIRAYELI ungumti weveyine onabayo; uyazihlanzela wona iziqa̔mo: njengobuninzi beziqa̔mo zake, uzandisile izibingelo; njengokulunga kwomhlaba wake, bazenzile izifanekiso ezihle.
2Intliziyo yabo yahlukile, kwa kaloku bomelwa lityala: yena uya kucita izibingelo zabo, uya kutshabalalisa izifanekiso zabo.
3Ngenyaniso baya kuti ngoku: Asinakumkani; ngokuba singamoyiki uyehova: ukamkani ke, wosenzela nto nina?
4Bawatetile amazwi, befunga ngobuxoki ekwenzeni ucebano: ngako oko umgwebo uyahluma njengomfuno onobuhlungu emiseleni yentsimi.
5Ngenxa yamatole ase‐Betavene, abemi base‐Samariya boba nokwoyika; ngokuba abantu balo beya kulila ngalo, nababingeli balo ababegcoba pezu kwalo, ngenxa yobungcwalisa balo, ngokuba bumkile kulo.
6Kwa lona liya kusiwa e‐Asiriya, libe libaso kukumkani opikayo: u‐Frayime wozuza idano, no‐Sirayeli wodanela elake icebo.
7I‐Samariya ukumkani wayo unqanyulwe; unjengeceba pezu kwobuso bamanzi.
8Ziya kutshatyalaliswa indawo ezipakamileyo zase‐Avene, isono so‐Sirayeli; ameva namakakakaka aya kumila pezu kwezibingelo zabo: babeya kuti ezintabeni: Sigubungeleni: nasezindulini: Siweleni.
9Wonile, Sirayeli! kuselokwemihla ye‐Gibeha: bemi kwa kona: akuyi kubafumana ukulwa e‐Gibeha ngakulo usapo lwobumenemene.
10Yinkanuko yam ukuba ndibabete; zaye izizwe ziya kuhlanganiselwa ngakubo, nxa banxitywayo ngenxa yezikohlakalo zabo zozibini.
11U‐Frayime ulitokazi eliqelisiweyo, litanda ukubula; kodwa ndidlule pezu kwentamo yalo enobuhle; ndomenza u‐Frayime ukwelwe; u‐Juda uya kupulusha, u‐Yakobi woqwakanisa.
12Zihlwayeleleni ngobulungisa, nivune ngobubele; ziku̔beleleni umhlaba olifusi: ngokuba lilixesha lokumfuna uyehova, ade afike, anifundise ubulungisa.
13Nilimile inkohlakalo, nivunile ubumenemene; nidlile isixakato sobuxoki: ngokuba nitembele endleleni yako, ebuninzini bamaṙoti ako.
14Ngako kwovuka isipitipiti pakati kwabantu bako, nenqaba zako zonke ziya kuci̔takaliswa, njengokuba u‐Shalemane waci̔takalisa i‐Bete‐rabele ngemini yokulwa: unina watyunyuzwa kunye nabantwana.
15Iya kwenje njalo kuni i‐Betele ngenxa yenkohlakalo yenu enkulu: kusasa wonqanyulwa kanye ukumkani wo‐Sirayeli.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.