1NDISINDISE, Tixo! ngokuba amanzi engene empefumlweni.
2Nditshonile eludakeni olunzulu, kungeko ndawo yokuma: ndingene ezinzulwini zamanzi, apo umsinga undikukulisayo.
3Ndidiniwe kukubiza kwam; umqala wam utshile; amehlo am ayapela, nxa ndilinda utixo wam.
4Bagqitisile inwele zentloko yam ngokuba baninzi abanditiyayo kungeko tuba; bayinto enkulu abanga banganditshabalalisa, abazintshaba zam kungeko ndawo: oko ndingakupanganga ndiya kwandula ndikubuyise.
5 Tixo! uyazi wena ngobugeza bam; nezilandu zam azikufihlelwanga.
6Abo bakangela kuwe, Nkosi, Yehova wemikosi! mabangadaniswa ngam: abo bakufunayo, Tixo wo‐Sirayeli! mabangaviswa ihlazo ngam.
7Ngokuba ngenxa yako nditwele isituko; ihlazo ligubungele ubuso bam.
8Sendingowasemzini kubazalwana bam, nongaziwayo kubantwana bakama̔.
9Ngokuba ubukwele bendlu yako bundidlile; izituko zabakutukileyo ziwile pezu kwam.
10Ndaye ndilila ndagqiba umpefumlo wam ekuzileni; kanti oko kwaba yinto yokutukwa kwam.
11Kanjalo ndenza ingubo yam ngentlakantlaka; ndaza ndaba yinto yokuzekeliswa kubo.
12Abo bahleli esangweni bayateta ngakum; ndiba yingoma yabasela utyalwa.
13Kodwa mna, ukutandaza kwam kukuwe, Yehova! ngexesha elikolekileyo: Tixo! ngobuninzi bobubele bako ndipendule, ngenyaniso yosindiso lwako.
14Ndihlangule eludakeni, mandingatshoni: mandihlangulwe kwabanditiyayo, nasezinzulwini zamanzi.
15Umsinga wamanzi maungandikukulisi, inzulu maingandiginyi, umnxuma maungavingci umlomo wawo pezu kwam.
16Ndive, Yehova! ngokuba ububele bako bulungile; beka kum ngabo ubuninzi benceba zako.
17Zungafihleli isicaka sako ubuso bako; ngokuba ndisekubandezelweni; ndipendule kamsinya.
18Sondela empefumlweni wam, uwukulule; ngenxa yentshaba zam ndisindise.
19Wena wazile ukutukwa kwam, nokudana kwam, nokuhlaziswa kwam: abo bayimpi kum bonke bapambi kwako.
20Ukutukwa kuqekezile intliziyo yam; ndiyafa kakulu: ndakangela ukuku̔zwa, kanti bekungeko; nabatutuzeli, kanti andibafumananga.
21Bandinika inyongo ibe kukudla kwam; nasekunxanweni kwam bandiseza iyasine.
22Isitebe sabo masibe sisibata ebusweni babo; ewe, masibe ngumgibe kubo besekwonwabeni.
23Amehlo abo makenziwe mnyama, baze bangaboni; nezinqe zabo uzenze zingcangcazele futi.
24Galela ingqumbo yako pezu kwabo, buti ubushushu bomsindo wako bubabambe.
25Maibe indlu yabo icitakele; makungabiko namnye ohlala ezintenteni zabo.
26Ngokuba betshutshisa lowo umbetileyo wena, beteta ngobuhlungu benxweleṙa zako.
27Beka inkohlakalo pezu kwenkohlakalo yabo; mabangangeni ebulungiseni bako.
28Mabacinywe encwadini yabahleliyo; mabangaba̔lwa ndawonye nabalungileyo.
29Kodwa mna ndibuhlwempu, ndilusizi: usindiso lwako, Tixo! malundibeke enyangweni.
30Ndiya kudumisa igama likatixo ngeculo, ndimenze mkulu ngombulelo.
31Oku kuya kukolisa uyehova pezu kwenkabi, napezu kwenkunzana enempondo eyahluka impupu.
32Abalulamileyo bobona bavuye; yaiya kupila intliziyo yenu, nina nimfunayo utixo!
33Ngokuba uyehova esiva amahlwempu, engadeli nababanjwa bake.
34Mazimdumise izulu nomhlaba, ilwandle nento zonke ezishukumayo kuzo.
35Ngokuba utixo eya kusindisa i‐Ziyone, ake izixeko zakwa‐Juda; ize bahlale kona, bayifuye.
36Inzalo yezicaka zake nayo iya kudla ilifa layo; nabo batanda igama lake bohlala kuyo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.