Imizekeliso 13 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1UNYANA olumkileyo uyeva imfundiso kayise; kodwa umgxeki akeva intetiso.

2Ngesixakato somlomo womntu wodla okulungileyo; kodwa umpefumlo wabenza ngobuxoki wodla ubudlwengu.

3Olinda umlomo wake, uyagcina ubomi bake: owakamisa kakulu umlomo wake, woba nentshabalalo.

4Umxe̔lo wevila uyakanuka, kanti akuko nto; kodwa umxe̔lo wabakuteleyo wotyetyiswa.

5Ukuteta okubuxoki olungileyo uyakutiya; kodwa okohlakeleyo uyazinukisa, azenzele ihlazo.

6Ubulungisa buyamlondoloza ondlela ilungile: kodwa inkohlakalo iyameyelisela onesono.

7Kuko ozityebisayo, engenanto noko; kuko ozenza ihlwempu, enemfuyo enkulu noko.

8Isizi sobomi bomntu sibubutyebi bake; kodwa ihlwempu aliva intetiso.

9Isikanyiso sabalungileyo siyavuya: kodwa isibane sabakohlakeleyo siya kucinywa.

10Nger̔atshi kuvuswa ingxolisano kupela; kodwa kuko ubulumko nabavumayo ukucetyiswa.

11Imfuyo ezuziweyo ngokungendawo iya kuncitshiswa: kodwa obutayo ngesandla uya kwandisa.

12Itemba elibanjezelweyo liyavisa intliziyo ubuhlungu; kodwa ingumti wobomi inkanuko efeziweyo.

13Olidelayo ilizwi wobujiswa; kodwa owoyikayo umyalelo, yena wovuzwa.

14Umteto welumko ungumtombo wobomi, kuze kumkiwe kuyo imigibe yokufa.

15Ingqondo elungileyo iyanika ufefe: kodwa indlela yabenza ngobuxoki ilukuni.

16Osukuba enokutelekelela uyenza ngokwazi; kodwa ihilihili liyatwabulula ubudenge.

17Isitunywa esikohlakeleyo siyeyela ebubini: kodwa isigidimi esinyanisekileyo siyimpiliso.

18Owalayo imfundiso woba nobuhlwempu nehlazo; kodwa ogqalayo ukwohlwaywa uya kubekwa.

19Imnandi empefumlweni inkanuko efeziweyo; kodwa kuyintshontsho kwizidenge ukumka enkohlakalweni.

20Ohambayo nabalumkileyo wolumka naye: kodwa okolana nezidenge uya kuzuza ingozi.

21Ububi buya kuputuma aboni; kodwa abalungisayo bovuzwa ngokulunga.

22Olungileyo uyashiyela abantwana babantwana ilifa; kodwa ubutyebi bomoni bubekelelwa olungisayo.

23Ukulima kwamahlwempu kuyanika ubuninzi bokutya; kodwa kuko obujiswayo ngokuswela ubugwebo.

24Oyeka uswazi lwake, uyamtiya unyana wake: kodwa omtandayo, uyafuna ukululekwa kwake kamsinyane.

25Olungileyo uyadla kude kube kukuhlutiswa kwomxe̔lo wake; kodwa isisu sabakohlakeleyo soswela ukutya.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help