Amaculo 141 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO CXLI.Iculo lika‐Davide.

1 Yehova! ndiyabiza kuwe; kauleza ukuza kum: pulapula ilizwi lam, ndakubiza kuwe.

2Umtandazo wam maulungiselelwe pambi kwako njengesiqu̔miso; nokupakanyiswa kwezandla zam njengomnikelo wokuhlwa.

3Misa umlindo, Yehova! ngasemlonyeni wam; gcina umnyango womlomo wam.

4Intliziyo yam ungayitobeli entweni engalungileyo, ukwenza izenzo ezikohlakeleyo kunye namadoda akwenzayo okungendawo: mandingadli nezimnandi zawo.

5Olungileyo makandibete, kwoba bubele oko; makandohlwaye kanjalo, kwoba yioli yentloko, engayi kwaliwa yintloko yam: ngokuba kuseko nomtandazo wam ngasebubini bawo.

6Abagwebi bawo bakahlelwa pantsi emacaleni eliwa; kwaza kwaviwa amazwi am, ukuba amnandi.

7Amatambo etu atiwe sa ngasemlonyeni wencw̔aba, njengokungati bekunqunyulwe kwacandwa inkuni emhlabeni.

8Koko amehlo am angakuwe, Yehova oyinkosi! nditembile wena; zungahlubi umpefumlo wam.

9Ndigcine ezibateni banditiyele ngazo, nasemigibeni yabenzi bokungendawo.

10Abakohlakeleyo mabawe kwezabo intambo, nxa ndidlula kanye mna.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help