1DUMISANI uyehova! — Ndiya kubulela kuyehova ngentliziyo yonke, esihlelweni sabalungileyo, nasentlanganisweni.
2Imisebenzi kayehova mikulu, ifuniselwa ngabo bonke abayinyamekelayo.
3Isenzo sake sinokuduma nobungcwalisa: buti ubulungisa bake bume ngonapakade.
4Wenze imimangaliso yake ibe yinkumbuzo: uyehova unofefe, unenceba.
5Ubamkelisile ukudla abo bamoyikayo: ucebano lwake wolukumbula kude kube ngunapakade.
6Ubonakalisile amandla emisebenzi yake ebantwini bake, ngokubapa ilifa labaheyideni.
7Imisebenzi yezandla zake iyinyaniso nogwebo; zinyanisekile zonke ingxelo zake.
8Zihlala ziqinisekile kude kube ngunapakade: yenziwe ngenyaniso nangobulungisa.
9Watuma inkululwa ebantwini bake: umisele ucebano lwake lube ngunapakade: igama lake liyingcwele, linokwoyikeka.
10Ukwoyika uyehova kusisiqalo sobulumko: banengqondo elungileyo bonke abazenzayo ingxelo zake: udumo lwake lumi ngonapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.