1Ngenxa ye‐Ziyone andiyi kuti cwaka, nangenxa ye‐Yerusaleme andiyi kuhlala nditi tu, kude kupume ubulungisa bayo njengenkazimlo, nosindiswa lwayo njengesibane esivutayo.
2Abaheyideni baya kubona ubulungisa bako, nokumkani bonke ubungcwalisa bako; wauya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kayehova.
3Woba yikrone entle esandleni sikayehova, nonkontsho lwobukumkani esandleni sotixo wako.
4Akuyi kubuya kutiwe ngawe, ungoshiyiweyo; nelizwe lako akuyi kubuya kutiwe ngalo, liyingcitakalo: koko uya kubizwa ngokuti, intando yam ikuyo; nelizwe lako ngokuti, ngumfazi otshatileyo: ngokuba uyehova eya kukutanda, nelizwe lako loba litshatile.
5Ngokuba, njengokuba indodana itshata nentombi ipela, kwa njalo onyana bako baya kutshata nawe; nanjengokuba umyeni egcoba pezu kwomtshakazi, kwa njalo utixo wako wogcoba pezu kwako.
6Pezu kwendonga zako, Yerusaleme! ndibamisile abalindi; imini yonke nobusuku bonke abayi kuti cwaka napakade: nina nikankanyayo uyehova, ningati tu!
7kanjalo ningavumi ati tu yena, kude ayiqinise, nakude ayenze i‐Yerusaleme ibe yindunyiswa emhlabeni.
8Uyehova ufungile isandla sake sokunene, nengalo yake enamandla, esiti: Andisayi kupinda ndinike inqolowa yako ibe kukutya ezintshabeni zako, kanjalo abolunye uhlanga abasayi kusela iveyine yako, leyo uyisebenzeleyo.
9Kodwa abo bayivunayo baya kuyidla, badumise uyehova; nabo bayibutayo boyisela emakusini angcwele am.
10Dlulani, dlulani ngamasango; lungisani indlela yabantu; poselani, poselani indlela epakamileyo; yidediseni ematyeni; yipakamiseleni abantu ibanile.
11Bona ke, uyehova uvakalisile esipelweni somhlaba ukuti: Yitini kwintombi yase‐Ziyone: Nanku umsindisi wako esiza; bona ke, umvuzo wake unaye, nenzuzo yake isebusweni bake.
12Babeya kubizwa bona ngokuti, ngabantu abangcwele, ngabakululweyo bakayehova: wauya kubizwa wena ngokuti, ungofuniweyo, usisixeko esingashiywanga.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.