U‐Yisaya 40 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1TUTUZELANI, tutuzelani abantu bam, utsho utixo wenu.

2Tetani kamnandi kwi‐Yerusaleme, nishumayele kuyo, ukuba ukulwa kwayo kuzalisekile, ukuba inkohlakalo yayo ihlaulelwe; ukuba yamkele esandleni sikayehova ngokupindiweyo ngenxa yazo zonke izono zayo.

3Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzelani utixo wetu umendo olungeleleneyo elubala.

4Zonke izihlambo ziya kupakanyiswa, nazo zonke intaba nenduli ziya kutotyelwa pantsi; okuligoso kwotiwa ntse, nendawo ezibugongxo zoba butafa:

5kwakuya kutyilwa ubungcwalisa bukayehova; luti uluntu lwonke lububone kwa kunye: ngokuba umlomo kayehova utshilo.

6Ilizwi lati: Danduluka! Wayesiti: Ndiya kudanduluka nto nina? Lwonke uluntu luyinca, nabo bonke ubuhle balo bunjengembali yasendle;

7inca iyoma, imbali iyabuna, ngokuba umoya kayehova uvutela pezu kwayo; ngenyaniso abantu bayinca.

8Inca iyoma, imbali iyabuna; kanti ilizwi lotixo wetu liya kuma kude kube ngunapakade.

9Nyukela entabeni ende, wena ushumayeza i‐Ziyone indaba ezilungileyo! pakamisa ngamandla ilizwi lako, wena ushumayeza i‐Yerusaleme indaba ezilungileyo! lipakamise, ungoyiki; yiti kwizixeko zakwa‐Juda: Nanku utixo wenu!

10Bona ke, inkosi e nguyehova iya kuza inamandla, nengalo yayo yoyipatela ubukosi; bona ke, umvuzo wayo unayo, nenzuzo yayo isebusweni bayo.

11Iya kwalusa umhlambi wayo njengomalusi; imvana iya kuzibuta ezingalweni zayo, izitwale esifubeni sayo; igushakazi ezanyisayo yozitundeza.

12NGUBANINA olinganisileyo amanzi esigingqini sesandla sake; owenzele amazulu umlinganiso ngesoluko seminwe; obambileyo utuli lwomhlaba esilinganisweni; ozifakileyo intaba ezintweni zokulungelelanisa, nenduli ezintweni zokulinganisa?

13Ngubanina owalatisileyo umoya kayehova; ote umhlaumbi, engumcebisi wake, wamazisa?

14Ucebisene nobanina, ukuba amqondise, amfundise endleleni yobugwebo; umhlaumbi amfundise ukwazi, amazise indlela yokuqonda?

15Bona ke, izizwe zinjengetontsi lasempandeni; zibalwa ngokuba njengotulana lwento yokulinganisa: bona ke, iziqiti uyazifunqula njengentwana encinanana.

16I‐Lebanone ayanele ukwenza umlilo, nezilo zayo azanele idini lokutshiswa.

17Zonke izizwe zinjengokungento pambi kwake; ziyabalwa nguye ngokuba zincinane kokungento nokungendawo.

18Niya kufanisa utixo nobanina ke? kanjako yiyipina imfano eniya kuyilinganisa naye?

19Uti umsebenzi awutyityishe umfanekiso, nencibi iwaleke ngegolide: nemixokolelwane yesilivere incibi iyayenza.

20Olihlwempu kangaka ukuba akanamnikelo, uyanyula umti ongenakubola: uyazifunela umsebenzi olumkileyo, ukuze kumiswe umfanekiso ongayi kushukunyiswa.

21Anazanga na? anivanga na? anixelelwanga na kwa sekuqaleni? aniqondanga na kwa sekusekweni kwomhlaba?

22Nguye ohleliyo pezu kwesazinge somhlaba, obemi bawo banjengemicikwane; nguye owolulayo amazulu njengeqiya eshiceneyo, awatwabulule njengentente yokuhlala;

23ozenza inkosana zibe yinto engeluto; abagwebi bomhlaba uyabenza njengokungendawo.

24Cebetshu batyaliwe; cebetshu bahlwayelwe; cebetshu isipunzi sabo sendele emhlabeni; kwandule ukuti, ukuba uka avutele pezu kwabo, babune, luti uqwitela lumke nabo njengomququ.

25Niya kundifanisa nobanina ke, endiya kufana naye? utsho oyingcwele.

26Pakamisani ngapezulu amehlo enu, nibone, ngubanina ozidalileyo ezizinto; ovelisayo umkosi wazo ngenani; zonke ke uyazibiza ngegama; ngobuninzi bamandla ake, nobomelelo bake obukulu; akuko nanye engeko.

27Kunganina ukuba utsho, Yakobi! nokuba utete, Sirayeli! ukuti: Indlela yam ifihlelwe uyehova; nokuti: Ugwetyelwa lwam lugqitile kutixo wam.

28Akwazanga na? akuvanga na? utixo ongunapakade nguyehova, umdali wamancam omhlaba; akacubuki yena, akadinwa nokudinwa; ukuqonda kwake akunakupengululwa.

29Ocubukileyo uyamnika amandla; nababutataka uyabandisela ubomelelo.

30Abafana bocubuka badinwe, namadodana agqibele ukuwa;

31kanti abo bakangela kuyehova bohlaziya amandla; baya kunyuka ngamapiko njengenkozi; bobaleka, bangadinwa; bohamba, bangacubuki.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help