1NXA uyehova angaki indlu, bofumana basebenze abo bayakayo; nxa uyehova angagcini isixeko, wofumana apapame umlindi.
2Nofumana nivuke kwa kusasa, nihlale kude kube sebusuku, nidle isonka sentlungu: kwa njalo uyanika umtandwa wake ubutongo.
3Kangela, abantwana balilifa livela kuyehova; isixakato sesizalo singumvuzo wake.
4Njengentolo esandleni segoṙa, banjalo abantwana bobutsha bomntu.
5Hai itamsanqa lendoda empongolo uzele ngabo! abayi kudaniswa, nxa baya kuteta nentshaba esangweni.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.