U‐Hamose 7 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1YENJE nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: bona ke, yadala imiqikela ekuqaleni kwokuhluma kwenca yasemva; bona ke, ibiyinca yasemva emva kwokusikelwa ukumkani.

2Kwaza kwati, yakuba igqibile ukuyidla inca yelizwe, ndati: Nkosi Yehova! zuxolele ke! ngubanina u‐Yakobi ukuba eme? ngokuba emncinane yena.

3Wati uyehova wanosizi pezu kwoku: Akuyi kubako, utsho uyehova.

4Yenje nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: bona ke, inkosi e nguyehova yabiza ukuba kupikwe ngomlilo, waza wayidla inzulu enkulu, wasidla nesabiwo.

5Ndaza ndati: Nkosi Yehova! zuyeke ke! ngubanina u‐Yakobi ukuba eme? ngokuba emncinane yena.

6Wati uyehova wanosizi pezu kwoku: Nako oku akuyi kubako, itsho inkosi e nguyehova.

7Yenje nje ukundibonisa: kekaloku, nantsi inkosi imi pezu kwodonga olwakiweyo ngeplumete, inayo iplumete esandleni sayo.

8Wayesiti uyehova kum: Yinto nina uyibonayo, Hamose? Ndati: Yiplumete. Yaza yati inkosi: Bona ke, ndoyibeka iplumete pakati kwabantu bam o‐Sirayeli; andisayi kupinda ndidlule kubo:

9indawo ezipakamileyo zo‐Yisake zotiwa tshabalala, nendawo ezingcwele zo‐Sirayeli ziya kuci̔takaliswa; ndandiya kusukela ngakwindlu ka‐Jerobome ngesiṙele.

10Wandula u‐Amatsiya, umperisite we‐Betele, watuma ku‐Jerobome, ukumkani wo‐Sirayeli, esiti: Ucebile ngakuwe u‐Hamose pakati kwendlu ka‐Sirayeli; ilizwe alingetwale onke amazwi ake.

11Ngokuba etshilo u‐Hamose ukuti: u‐Jerobome uya kufa ngesiṙele; no‐Sirayeli uya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake.

12Waza u‐Amatsiya wati ku‐Hamose: Wena mboni! hamba, sabela elizweni lakwa‐Juda, uti apo usidle isonka, nalapo uprofiteshe:

13kodwa ungabi sapinda ukuprofitesha e‐Betele: ngokuba yindawo engcwele yokumkani, ngumzi wobukumkani kanjalo.

14Wandula wapendula u‐Hamose wati ku‐Amatsiya: Bendingenguye umprofite, bendingenguye nonyana womprofite: kodwa bendingumalusi wenkomo, nombuti wamakiwane:

15waza wanditabata uyehova ekulandeleni umhlambi, waye uyehova esiti kum: Hamba, profitesha ebantwini bam o‐Sirayeli.

16Ngako kaloku yiva ilizwi likayehova. Uti wena: Ungaprofiteshi ngaku‐Sirayeli; kanjako, ungaku̔pi lizwi ngakuyo indlu ka‐Yisake.

17Ngako oko utsho uyehova ukuti: Umfazi wako woba ngumpinyiswa esixekweni; onyana bako nentombi zako baya kuwa ngesiṙele; nomhlaba wako uya kwabiwa ngentambo; nawe uya kufa emhlabeni onco̔lisekileyo; waye u‐Sirayeli eya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help