U‐Yisaya 46 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1U‐BELE uyaguqa; u‐Nebo uyatoba pantsi; amadalo abo abekiwe pezu kwezilo napezu kwenkomo: imitwalo yenu yenziwe into yokutweswa, ingumsindwa kwisilo esidiniweyo.

2Ziyatoba pantsi, ziyaguqa kunye; akohliwe ukukulula umsindwa; ewe, aya ekutinjweni kwa wona.

3Pulapulani kum, ndlu ka‐Yakobi, naso sonke isisalela sendlu ka‐Sirayeli! abatwelweyo kwa sesiswini, abafunqulweyo kwa sesizalweni.

4Kwa kude kube sebudaleni ndoba kwa nguye; nakude kube sezimvini ndonitwala: ndenzile, ndandiya kufunqula; ewe, ndotwala, ndinikulule.

5Niya kundifanisa nobanina, ukuba nindilinganise naye? niya kundenza njengobanina, ukuba sifane?

6Bayaku̔pa into eninzi yegolide enxoweni, nesilivere bayilinganisa entweni yokulungelelanisa; bayaqesha incibi yegolide, eyenzayo utixo: bayaqubuda, ewe, bayabedesha.

7Bayamfunqula pezu kwegxalaba; bayamtwala; bayamhlisa pantsi endaweni yake, eme ke; akayi kushenxa kuyo indawo yake: ewe, umntu angakala kuye, kanti akayi kumpendula; akayi kumsindisa ebunzimeni bake.

8Kumbulani oku, nenze njengamadoda; yikumbuzeni intliziyo, nina bagqiti!

9Kumbulani izinto zangapambili, ezakudala; ngokuba ndinguye utixo, akuko wumbi; ndi ngutixo, akuko onjengam:

10oxelayo kwa sekuqaleni okwokupela, nasemaxesheni apambili izinto ezingekenziwa, esiti: Icebo lam liya kuma, nayo yonke intando yam ndiya kuyenza:

11obizayo intakakazi ivele empumalanga, nendoda yokuceba kwam elizweni elikude: ewe, nditetile, ndokuzisa kubako kanjako; ndicingile, ndiya kukwenza kanjako.

12Pulapulani kum, nina bantliziyo zinokanda, nina bakude ekulungeni!

13Ndiyasondeza ubulungisa bam; abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndandiya kubekela u‐Sirayeli, ubungcwalisa bam, usindiso e‐Ziyone.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help