1U‐BELE uyaguqa; u‐Nebo uyatoba pantsi; amadalo abo abekiwe pezu kwezilo napezu kwenkomo: imitwalo yenu yenziwe into yokutweswa, ingumsindwa kwisilo esidiniweyo.
2Ziyatoba pantsi, ziyaguqa kunye; akohliwe ukukulula umsindwa; ewe, aya ekutinjweni kwa wona.
3Pulapulani kum, ndlu ka‐Yakobi, naso sonke isisalela sendlu ka‐Sirayeli! abatwelweyo kwa sesiswini, abafunqulweyo kwa sesizalweni.
4Kwa kude kube sebudaleni ndoba kwa nguye; nakude kube sezimvini ndonitwala: ndenzile, ndandiya kufunqula; ewe, ndotwala, ndinikulule.
5Niya kundifanisa nobanina, ukuba nindilinganise naye? niya kundenza njengobanina, ukuba sifane?
6Bayaku̔pa into eninzi yegolide enxoweni, nesilivere bayilinganisa entweni yokulungelelanisa; bayaqesha incibi yegolide, eyenzayo utixo: bayaqubuda, ewe, bayabedesha.
7Bayamfunqula pezu kwegxalaba; bayamtwala; bayamhlisa pantsi endaweni yake, eme ke; akayi kushenxa kuyo indawo yake: ewe, umntu angakala kuye, kanti akayi kumpendula; akayi kumsindisa ebunzimeni bake.
8Kumbulani oku, nenze njengamadoda; yikumbuzeni intliziyo, nina bagqiti!
9Kumbulani izinto zangapambili, ezakudala; ngokuba ndinguye utixo, akuko wumbi; ndi ngutixo, akuko onjengam:
10oxelayo kwa sekuqaleni okwokupela, nasemaxesheni apambili izinto ezingekenziwa, esiti: Icebo lam liya kuma, nayo yonke intando yam ndiya kuyenza:
11obizayo intakakazi ivele empumalanga, nendoda yokuceba kwam elizweni elikude: ewe, nditetile, ndokuzisa kubako kanjako; ndicingile, ndiya kukwenza kanjako.
12Pulapulani kum, nina bantliziyo zinokanda, nina bakude ekulungeni!
13Ndiyasondeza ubulungisa bam; abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndandiya kubekela u‐Sirayeli, ubungcwalisa bam, usindiso e‐Ziyone.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.