Amaculo 39 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO XXXIX.Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, u‐Jedutune.

1NDITE: Ndiya kulumkela indlela zam, ndize ndingoni ngolwimi lwam: ndogcina umlomo wam ngomkala, nxa okohlakeleyo asebusweni bam.

2Ndasidenge ngokuti cwaka, ndati tu nakoko kulungileyo; lwaza usizi lwam lwavuswa.

3Intliziyo yam yaba shushu pakati kwam; ndisacinga watsha umlilo; ndateta ngolwimi lwam.

4Yehova! ndazise isipelo sam, nomlinganiswa wemihla yam, ukuba ungakananina; ndize ndazi ukunqamka kwam.

5Bona ke, imihla yam nyenze njengobubanzi besandla: nexesha lam linjengokungento pambi kwako: ngenyaniso bakokungendawo kupela bonke abantu bemi nje. Sela.

6Ngenyaniso umntu uyahamba njengesitunzi: ngenyaniso bafumana benesitukutezi: uyafumbela indyebo, kanti akamazi oya kuzamkela.

7Kaloku, Nkosi! ndikangela nto nina? Itemba lam likuwe.

8Ndikulule kuzo zonke izigqito zam: ungandenzi isigxekwa segeza.

9Ndibe ndisidenge, andavula umlomo wam; ngokuba kube kusenziwa nguwe.

10Susa isibeto sako kum: ndigqityiwe kukulwa kwesandla sako.

11Nxa uti, ngenxa yenkohlakalo, umluleke umntu ngezohlwayo, uyonakalisa ubuhle bake njengenundu: ngenyaniso bonke abantu bakokungendawo. Sela.

12Yiva umtandazo wam, Yehova! unike indlebe ekukaleni kwam; zungati cwaka ezinyembezini zam; ngokuba ndingowasemzini ndikuwe nje, ndingumpambukeli njengobawo bonke.

13Zundiyeke, ndize ndizomeleze, ndingekemki ukuze ndingabi sabiko.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help