1NDITE: Ndiya kulumkela indlela zam, ndize ndingoni ngolwimi lwam: ndogcina umlomo wam ngomkala, nxa okohlakeleyo asebusweni bam.
2Ndasidenge ngokuti cwaka, ndati tu nakoko kulungileyo; lwaza usizi lwam lwavuswa.
3Intliziyo yam yaba shushu pakati kwam; ndisacinga watsha umlilo; ndateta ngolwimi lwam.
4Yehova! ndazise isipelo sam, nomlinganiswa wemihla yam, ukuba ungakananina; ndize ndazi ukunqamka kwam.
5Bona ke, imihla yam nyenze njengobubanzi besandla: nexesha lam linjengokungento pambi kwako: ngenyaniso bakokungendawo kupela bonke abantu bemi nje. Sela.
6Ngenyaniso umntu uyahamba njengesitunzi: ngenyaniso bafumana benesitukutezi: uyafumbela indyebo, kanti akamazi oya kuzamkela.
7Kaloku, Nkosi! ndikangela nto nina? Itemba lam likuwe.
8Ndikulule kuzo zonke izigqito zam: ungandenzi isigxekwa segeza.
9Ndibe ndisidenge, andavula umlomo wam; ngokuba kube kusenziwa nguwe.
10Susa isibeto sako kum: ndigqityiwe kukulwa kwesandla sako.
11Nxa uti, ngenxa yenkohlakalo, umluleke umntu ngezohlwayo, uyonakalisa ubuhle bake njengenundu: ngenyaniso bonke abantu bakokungendawo. Sela.
12Yiva umtandazo wam, Yehova! unike indlebe ekukaleni kwam; zungati cwaka ezinyembezini zam; ngokuba ndingowasemzini ndikuwe nje, ndingumpambukeli njengobawo bonke.
13Zundiyeke, ndize ndizomeleze, ndingekemki ukuze ndingabi sabiko.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.