Amaculo 59 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO LIX.Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, elokuti: Ungatshabalalisi. Imikitame ka‐Davide, okuya u‐Saule ebetuma abantu balinde indlu, ukuze bamfise.

1NDIHLANGULE ezintshabeni zam, Tixo wam! ndibeke pezulu kubo abandisukelayo.

2Ndihlangule kubo abenzi benkohlakalo; undisindise emadodeni egazi.

3Ngokuba, kangela, balalele umpefumlo wam; abanamandla babutelene ngakum; kungeko isigqito sam, kungeko nesono sam, Yehova!

4Bayagidima bazilungise kungeko tyala kum: vuka ukuza kundikaulela, ubone ke.

5Kwa wena, Yehova, Tixo wemikosi, Tixo wo‐Sirayeli! vuka ukuza kubohlwaya abaheyideni bonke; ungabi nalufefe kubo bonke abenzayo ngobuxoki kakulu. Sela.

6Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengenja, baṙaule isixeko.

7Kangela, bayapimisela ngomlomo wabo; kuko amaṙele emilonyeni yabo; ngokuba, batsho, ngubanina ovayo?

8Kodwa wena, Yehova! uya kubahleka; uya kudela abaheyideni bonke.

9Ngenxa yamandla ake ndiya kukangela kuwe; ngokuba utixo eyinyango yam.

10Utixo wobubele bam uya kundandulela; utixo uya kundikangelisa pezu kwabandihlolayo.

11Ungababulali, hleze abantu bam balibale: badungudelise ngamandla ako, ubahlisele pantsi, Nkosi, kaka letu!

12Ngenxa yesono somlomo wabo, namazwi emilomo yabo, mababanjwe ngoko er̔atshini labo, nangenxa yokutuka nokuxoka abakutetayo.

13Bagqibele ngengqumbo, bagqibele, ize bangabiko; mabazi ke ukuba kupatwa ngutixo kwa‐Yakobi, nakude kube sezincameni zomhlaba. Sela.

14Mababuye ngokuhlwa, mabavungame njengenja, baṙaule isixeko.

15Mababadule ngokufuna ukutya; ukuba abahluti, mabalalise njalo.

16Kodwa mna ndiya kuvuma ngawo amandla ako; ewe, ndiya kudumisa ububele bako ngovuyo kwa kusasa: ngokuba ubuyinyango nendawo yokupepela kum, ngemini yokubandezelwa kwam.

17Ndiya kuculela wena, mandla am! ngokuba utixo eyinyango yam, utixo wobubele bam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help