Eyokuqala yezikronike 14 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1KEKALOKU u‐Hirame, ukumkani we‐Tire, watuma izigidimi ukuya ku‐Davide, nemiti yesedare, nencibi zendonga, nencibi zemiti, ukuze akelwe indlu.

2Waza wanakana u‐Davide ukuba uyehova ebemqinisile ukuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli; ngokuba ubukumkani bake bebupakanyiselwa pezulu, ngenxa yabantu bake o‐Sirayeli.

3Walekela u‐Davide ukuzeka abafazi e‐Yerusaleme; walekela u‐Davide nokuzala onyana nentombi.

4Ngawo la amagama abo abantwana abenabo e‐Yerusaleme: u‐Shamuha, no‐Shobabe, no‐Natane, no‐Solomone,

5no‐Yibare, no‐Elishuha, no‐Elifelete,

6no‐Noga, no‐Nefege, no‐Yafiya,

7no‐Elishama, no‐Beliyada, no‐Elifelete.

8KWATI kwakuviwa ngama‐Filistiya ukuba u‐Davide utanjisiwe abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke, andula enyuka onke ama‐Filistiya ukuya kumfuna u‐Davide. Waza u‐Davide, akuva oko, wapuma ngakuwo.

9Ada eza ama‐Filistiya, azitwabulula emhlanjeni wama‐Rafa.

10Waza u‐Davide wabuza kutixo, esiti: Ndiya kunyuka na ngakuwo ama‐Filistiya? wowanikela esandleni sam na? Wayesiti uyehova kuye: Nyuka; ngokuba ndiya kuwanikela esandleni sako.

11Kwati kwakunyukelwa e‐Bali‐peratsime, wawabeta kona u‐Davide. Wandula wati u‐Davide: Utixo utyobozele ezintshabeni zam ngesandla sam njengesityobozelo samanzi. Ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti yi‐Bali‐peratsime.

12Ayeshiya kona otixo bawo; waza waxela u‐Davide, batshiswa ngomlilo.

13Apinda kanjako ama‐Filistiya azitwabulula emhlanjeni lowo.

14Ngako u‐Davide wabuya wabuza kutixo; waye utixo esiti kuye: Ungenyuki emva kwawo; jika umke kuwo, uye uwafikele malungana nemiti yebaka.

15Kwakuya kuti, nxa uvayo isandi sokuhanjwa ezincameni zemiti yebaka, wandule ukupuma ukulwa; ngokuba selepumile utixo pambi kwako, ukubeta umkosi wama‐Filistiya.

16Wenje njalo u‐Davide, njengokuba utixo ebemyalele: kwaza kwabetwa umkosi wama‐Filistiya kwa se‐Gibeyone kude kwase‐Gezere.

17Lwandula udumo luka‐Davide lwapumela emazweni onke; wati uyehova wabeka ukwoyikwa kwake pezu kwezizwe zonke.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help