1IGEZA liti entliziyweni yalo: Akuko tixo. Bonakele, benze izenzo ezizondekileyo; akuko owenza okulungileyo.
2Uyehova esezulwini wakangela pantsi pezu kwonyana babantu, ukubona ukuba kuko na oqondayo, ofuna utixo.
3Bapambukile bonke, badlubukile kunye; akuko owenza okulungileyo, noko amnye.
4Bonke abenzi benkohlakalo abanakwazi na? abadla abantu bam njengokungati babesidla isonka: ababizanga kuye uyehova.
5Bebesoyika isoyikiso kona apo: ngokuba utixo esesizukulwaneni sabalungileyo.
6Nidanisile icebo lolihlwempu; ngokuba uyehova eyindawo yake yokupepela.
7Alwaba usindiswa lwo‐Sirayeli lwabeluvele e‐Ziyone! Nxa uyehova aya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bake, uya kugcoba u‐Yakobi, uya kuvuya u‐Sirayeli.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.