1NDOKUTANDA, Yehova, Mandla am!
2Uyehova uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam; utixo wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, nenyango yam.
3Ndobiza kuyehova, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.
4Intambo zokufa zandiṙaula, nemisinga yobunginingini yandoyikisa;
5intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela.
6Ebunzimeni bam ndabiza kuyehova, ndakala kutixo wam: weva ilizwi lam esetempileni yake; nokukala kwam ebusweni bake kweza ezindlebeni zake.
7Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; namasekwa entaba ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile.
8Kwenyuka umsi empumlweni yake; nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo.
9Wagoba izulu, wehla: sasitokotoko pantsi kwenyawo zake.
10Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabaleka pezu kwamapiko omoya.
11Ubumnyama wabenza imfihlelo yake; intente yake yampahla, amanzi amnyama, amafu abungqingqwa ezulu.
12Ngenkazimlo epambi kwake kwadlula amafu ake, izico̔to, namalahle omlilo.
13Uyehova wadudumisa ezulwini; opezu kwonke wanika ilizwi lake, izico̔to, namalahle omlilo.
14Watuma intolo zake, wabaci̔ta; wongezelela ngemibane, wabapitizelisa.
15Kwandula kwabonakala amazantsi amanzi, atyileka namasekwa omhlaba, ngokutetisa kwako, Yehova! ngokuquta kwomoya wempumlo yako.
16Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi;
17wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; nakwabo banditiyayo; ngokuba bebendidlula ngamandla.
18Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa uyehova ebesisixaso kum.
19Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim.
20 Uyehova wandivuza njengokwobulungisa bam; njengokwobumhlope bezandla zam wandibuyekezela.
21Ngokuba ndizibambile indlela zikayehova, ndandingemkanga ngenkohlakalo kutixo wam.
22Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andiyipambukisanga kum.
23Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam:
24ngako uyehova undibuyekezele njengokwobulungisa bam, njengokwobumhlope bezandla zam pambi kwamehlo ake.
25Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kumntu olungisekile uyazibonakalisa ulungisekile;
26komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa.
27Ngokuba abantu ababandezelweyo ubasindisa wena; kodwa amehlo eratshi uyawatobisa.
28Ngokuba wena ubaneka isibane sam: uyehova, utixo wam, uyakanyisa ubumnyama bam.
29Ngokuba ngawe ndiliwele ibandla; kwa ngaye utixo wam ndigqitile eludongeni.
30Utixo indlela yake ifezekile ukulunga; ilizwi likayehova licocekile: ulikaka yena kubo bonke abatembela kuye.
31Ngokuba ngubanina o ngutixo ngapandle kwoyehova? ngubanina olilityekazi ngapandle kwotixo wetu?
32Ngutixo ondibinqayo ngamandla; owenza nendlela yam ilungiseke.
33Uyenza inyawo zam zibe njengezamaxamakazi; uyandimisa ezinyangweni zam.
34Uyafundisa izandla zam ukulwa, side sityedwe isipeta sexina ngengalo zam.
35Undipile ikaka losindiso lwako; isandla sako sokunene sindisekele; ukululama kwako kundenze mkulu.
36Wabusenza banzi ukunyatela kwam pantsi kwam; ati amaqata am akahexa.
37Ndaputuma intshaba zam, ndazifumana; andabuya ndada ndazigqibela.
38Ndazityumza, zaza zakohlwa kuvuka; zawa pantsi kwenyawo zam.
39Ngokuba ubundibinqela ukulwa ngamandla; ubatobisile pantsi kwam abo babesukela ngakum:
40wandinika umhlana wentshaba zam; ndize nditshabalalise abo banditiyayo.
41Bakala, kodwa bekungeko osindisayo; kwa kuyehova, kodwa akabapendula.
42Ndaza ndabaguba njengotuli ngapambi kwomoya; ndabalahla njengenkunkuma yezitarate.
43Undikulule emapikeni abantu; undimisele ndibe yintloko yezizwe; abantu endingabazanga bayandikonza.
44Ngokuva kwendlebe bayapulapula kum; abasemzini bayazenzisa kum.
45Abasemzini bayasinya; bayankwantya bepuma ezinqatyeni zabo.
46 Uyehova uhleli; malibongwe ilityekazi lam; makadunyiswe utixo wosindiswa lwam.
47Ngutixo ondenzela impindezelo, oweyisa izizwe pantsi kwam,
48ondisindisa ezintshabeni zam: ewe, wena undipakamisele ngapezulu kwabo basukela ngakum; undikulule emntwini wobudlwengu.
49Ngako oko ndobulela kuwe, Yehova! pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako:
50owandisa intsindiswa zokumkani wake; owenza ububele kumtanjiswa wake, ku‐Davide, nakuyo inzalo yake kude kube ngunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.