1Ngawo umhla lowo uya kuti: Ndiya kudumisa wena, Yehova! nakuba ubundiqumbele, seibuyile ingqumbo yako, waza wandonwabisa.
2Bona ke, utixo ulusindiso lwam; ndiya kutemba, andiyi kwoyika; ngokuba uyahi, uyehova, engamandla am, neculo lam; ude waba lusindiso kum.
3Naniya kuka amanzi ngovuyo emitonjeni yosindiso.
4Ngawo umhla lowo niya kuti: Bulelani kuyehova, shumayelani igama lake, yazisani izenzo zake pakati kwezizwe, kankanyani ukuba igama lake lipakamile.
5Culani kuyehova, ngokuba eyenzile into ebungangamsha; kwaziwe oku kuwo wonke umhlaba.
6Danduluka, umemeze, wena uhleliyo e‐Ziyone! ngokuba oyingcwele ka‐Sirayeli emkulu pakati kwako.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.