1WATI akuba ebedlula wabona umntu obeyimfama ngokuzalwa.
2Baza babuza kuye abadisipile bake, besiti: Rabi! ngubanina owabesona, nguye lo, ngabazali bake, kusinina, ukuba abe nokuzalwa eyimfama?
3Wati u‐Yesu ukupendula: Akona naló, abona nabazali bake; kukuba kubonakaliswe imisebenzi katixo kuye.
4Ndifanele ukusebenza imisebenzi yalowo wanditumayo, nxa imini iseko; buyeza ubusuku, oko kungesetyenzwe mntu.
5Xeshekweni ndiselizweni, ndilukanyiso lwelizwe.
6Akuba ebetshilo oku, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamate, watambisa amehlo oyimfama ngodaka olo,
7wati kuye: Hamba uhlambe ecibini le‐Siloha; (okuti ukukunyushwa lelitunyiweyo.) Waya ngoko wahlamba, weza ebona.
8Ngako imimelwane, nabo babefudula bembona ukuba uyimfama, babesiti: Lo asi nguye na oti ahlale anqi̔be?
9Bati abanye: Nguye: bati nabanye: Ufana naye. Wati yena: Ndinguye.
10Bati ngoko kuye: Atiwa nina ukuvulwa amehlo ako?
11Wapendula yena wati: Umntu o‐kutwa ngu‐Yesu wenza udaka, watambisa amehlo am, wati kum: Hamba uye ecibini le‐Siloha, uhlambe. Ndaya ke ndahlamba, ndamkela ukubona.
12Bandula bati kuye: Upina yena? Wati: Andazi.
13Bamzisa kubafarisi lowo ubefuda eyimfama.
14Kekaloku bekuyimini yesabata oko u‐Yesu wenzayo udaka olo, wavula amehlo ake.
15Ngako kanjako babuza kuye nabafarisi ukuba watiwa nina ukwamkela ukubona. Wayesiti kubo: Wabeka udaka pezu kwamehlo am, ndaza ndahlamba, ndiyabona ke.
16Bati ngoko inxenye kubafarisi: Lomntu akaveli kutixo, ngokuba engagcini imini yesabata. Bati abanye: Angati nina umntu ongumoni ukwenza imimangaliso engakanana? Kwaza kwabako impambano pakati kwabo.
17Bati kobeyimfama kanjako: Uti nina wena ngaye, evulile amehlo ako nje? Wayesiti: Ungumprofite.
18Ati kekaloku ama‐Juda akakolwa ngaye ukuba ebeyimfama waza wamkela ukubona, ada abiza abazali balowo obekwamkele ukubona.
19Aza abuza kubo, esiti: Lo ungunyana wenu na, eniti wazalwa eyimfama? ute nina pofu ukubona ngoku?
20Bapendula kuwo abazali bake bati: Siyazi ukuba lo ungunyana wetu, nokuba wazalwa eyimfama:
21kodwa ukuba ute nina ukubona kaloku, asikwazi; nokuba ungubanina owavula amehlo ake, asimazi tina: usel’ ekulile yena; buzani kuye; wozitetela ngokwake.
22Batsho abazali bake, kuba bebesoyika ama‐Juda: ngokuba ama‐Juda ebesel’ evumelene, ukuba, xeshekweni umntu amvumayo ukuba ungu‐Kristu, makaku̔tshwe entlanganisweni.
23Ngako oko abazali bake bati: Usel’ ekulile; buzani kuye.
24Bandula bambiza ngokwesibini lowamntu obeyimfama, bati kuye: Mnike udumo utixo; siyazi tina ukuba umntu lo ungumoni.
25Wandula wapendula yena lowo wati: Ukuba ungumoni na, andikwazi; inye into endiyaziyo, yokuba, ndiyimfama nje, kaloku ndiyabona.
26Baza bati kuye kanjako: Wenza nto nina kuwe? wati nina ukuvula amehlo ako?
27Wati ukubapendula: Sendinixelele, kanti anivanga; yinina ukuba nifune ukuva kanjako? kanene nani nifuna ukuba ngabadisipile bake na?
28Bandula bamtuka, bati: Wena ungumdisipile walowa; tina kodwa singabadisipile baka‐Mosesi.
29Siyazi tina ukuba utixo utetile ku‐Mosesi; kodwa lo asimazi ukuba uvela pina.
30Wapendula umntu lowo wati kubo: Pofu lento ingummangaliso okunene, yokuba nina animazi ukuba uvela pina, noko wavulayo amehlo am.
31Kekaloku siyazi ukuba aboni utixo akabeva; kodwa ukuba umntu engumbedeshi katixo, esenza nentando yake, yena lo uyamva.
32Akuzanga kuviwe kwa napakade ukuba bekuko owavula amehlo obezelwe eyimfama.
33Ukuba lo ebengaveli kutixo, ebengenze luto.
34Bapendula bati kuye: Wena uzelwe upela ezonweni nje, uyasifundisa tina na ke? Baza bamku̔pela pandle.
35Weva u‐Yesu ukuba bebemku̔pele pandle: waza akumfumana wati kuye: Uyakolwa kunyana katixo na?
36Wapendula yena wati: Ungubanina, Nkosi! ukuze ndikolwe kuye?
37Wati ke u‐Yesu kuye: Umbonile kambe, kanjalo lo uteta nawe unguye.
38Wayesiti: Ndiyakolwa, Nkosi! wambedesha ke.
39Waza wati u‐Yesu: Ndeza kwelilizwe kube kukugwetywa, ukuze abo bangaboniyo babone, nabo babonayo benzwe imfama.
40Baza abo bakubafarisi abebenaye beva ezizinto, bati kuye: Nati sizimfama na?
41Wati kubo u‐Yesu: Ukuba nibe nizimfama, ngeniba ningenasono; kodwa kaloku niti: Siyabona; ngoko isono senu siseko.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.