1WALEKELA u‐Jobi wahambisa isiteto sake, wati:
2Akwaba kwakunjalo kum njengasezinyangeni zapambili, njengasemihleni wandigcinayo utixo;
3sakukazimla isibane sake pezu kwentloko yam, ndakuba ngokukanya kwake ndacanda ubumnyama:
4njengokuba bendinjalo emihleni yokucuma kwam, nxa inkolelo katixo ibipezu kwentente yam;
5nxa usomandla abeseko nam, bandingqonga abafana bam;
6nxa ndabendihlanza izihambo zam ngamasi, lati iliwa latulula ngakum imilanjana yeoli!
7Ndati ndakupumela esangweni ngasesixekweni, nesihlalo sam ndasimisa enkundleni;
8amadodana andibona, azimela; namaxego esuka, ema.
9Inkosana zawabamba amazwi, zabeka isandla pezu kwomlomo wazo.
10Amanene ilizwi lawo latiwa cwaka, nolwimi lwawo lwanamatela ekuhlangutyeni lawo.
11Yakundiva indlebe, yandul’ ukunditamsanqelisa; lakundibona iliso, landul’ ukundinqi̔nela:
12ngokuba ndabendisindisa ihlwempu elakalayo, kwa nenkedama, nongenamncedi.
13Isitamsanqeliso sobebuba seza pezu kwam; nentliziyo yomhlolokazi ndayenza ivume ngovuyo.
14Ndambata ubulungisa; bona bazivatisa ngam; lwalunjengengubo nonkontsho ugwebo lwam.
15Bendingamehlo kwimfama, nenyawo kwisiqwala.
16Bendinguyise kwabasweleyo; netyala lalowo bendingamazi ndalifunisela.
17Ndawapula amabamba olimenemene, nasemazinyweni ake ndayiti kahla impango.
18Ndaza ndati: Okunene ndobubela endlwini yam, ndiya kwandisa imihla njengentlabati:
19ingcambo yam ivulekele emanzini, uti umbete ulalise esebeni lam:
20ubungcwalisa bam buyatwasa kum, nesipeta sam siyahlaziywa esandleni sam.
21Bandibekela indlebe, balinda ke; bati tu ngenxa yecebo lam.
22Emveni kwelizwi lam ababuya batete; kwatontsela pezu kwabo isiteto sam.
23Babendilindela njengokuba kulindelwa imvula; bayakamisa imilomo yabo njengokuba kusakanyiselwa imvula yasemva.
24Ndakubancumela, babengenakukolwa; nokukanya kwobuso bam babengakuwisi.
25Ndanyula indlela yabo, ndahlala ndiyinkosi; ndema njengokumkani ebandleni, njengotutuzelayo abalusizi.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.