U‐Jobi 29 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1WALEKELA u‐Jobi wahambisa isiteto sake, wati:

2Akwaba kwakunjalo kum njengasezinyangeni zapambili, njengasemihleni wandigcinayo utixo;

3sakukazimla isibane sake pezu kwentloko yam, ndakuba ngokukanya kwake ndacanda ubumnyama:

4njengokuba bendinjalo emihleni yokucuma kwam, nxa inkolelo katixo ibipezu kwentente yam;

5nxa usomandla abeseko nam, bandingqonga abafana bam;

6nxa ndabendihlanza izihambo zam ngamasi, lati iliwa latulula ngakum imilanjana yeoli!

7Ndati ndakupumela esangweni ngasesixekweni, nesihlalo sam ndasimisa enkundleni;

8amadodana andibona, azimela; namaxego esuka, ema.

9Inkosana zawabamba amazwi, zabeka isandla pezu kwomlomo wazo.

10Amanene ilizwi lawo latiwa cwaka, nolwimi lwawo lwanamatela ekuhlangutyeni lawo.

11Yakundiva indlebe, yandul’ ukunditamsanqelisa; lakundibona iliso, landul’ ukundinqi̔nela:

12ngokuba ndabendisindisa ihlwempu elakalayo, kwa nenkedama, nongenamncedi.

13Isitamsanqeliso sobebuba seza pezu kwam; nentliziyo yomhlolokazi ndayenza ivume ngovuyo.

14Ndambata ubulungisa; bona bazivatisa ngam; lwalunjengengubo nonkontsho ugwebo lwam.

15Bendingamehlo kwimfama, nenyawo kwisiqwala.

16Bendinguyise kwabasweleyo; netyala lalowo bendingamazi ndalifunisela.

17Ndawapula amabamba olimenemene, nasemazinyweni ake ndayiti kahla impango.

18Ndaza ndati: Okunene ndobubela endlwini yam, ndiya kwandisa imihla njengentlabati:

19ingcambo yam ivulekele emanzini, uti umbete ulalise esebeni lam:

20ubungcwalisa bam buyatwasa kum, nesipeta sam siyahlaziywa esandleni sam.

21Bandibekela indlebe, balinda ke; bati tu ngenxa yecebo lam.

22Emveni kwelizwi lam ababuya batete; kwatontsela pezu kwabo isiteto sam.

23Babendilindela njengokuba kulindelwa imvula; bayakamisa imilomo yabo njengokuba kusakanyiselwa imvula yasemva.

24Ndakubancumela, babengenakukolwa; nokukanya kwobuso bam babengakuwisi.

25Ndanyula indlela yabo, ndahlala ndiyinkosi; ndema njengokumkani ebandleni, njengotutuzelayo abalusizi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help