1YEHOVA! asi nokuba bandile abazintshaba zam! baninzi abapakamayo ngakum.
2Baninzi abati ngompefumlo wam: Akuko ukusizwa kwake kutixo. Sela.
3Kodwa wena, Yehova! ulikaka kum; ububungcwalisa bam, nompakamisi wentloko yam.
4Ndabiza kuyehova ngelizwi lam; wandipendula ke entabeni yake eyingcwele. Sela.
5Ndalala pantsi, ndazuza ubutongo; ndavuka; ngokuba uyehova ebendisekele.
6Andiyi kwoyika amashumi amawaka abantu, abase belunga ngakum bendiṙaula.
7Pakama, Yehova! ndisindise, Tixo wam! ngokuba intshaba zam uzibetile zonke esidleleni; uwapule amazinyo abakohlakeleyo.
8Usindiso lolu kayehova. Ukutamsanqelisa kwako kupezu kwabantu bako. Sela.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.