1Ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? nengalo kayehova iya kutyilwa kubanina?
2Ngokuba sibe sikula ebusweni babo njengesihlumelo, nanjengengcambo ipuma emhlabeni owomileyo: sasingenasimilo nasoya, ukuba sisigqale; kwa nokubonakala, ukuba sisinqwenele.
3Sibe sidelwa salahlwa ngabantu, indoda yentsizi, nowazana nobuhlungu, kwada kwafihlwa ubuso kuso; sibe sidelwa, sati tina asasibuka.
4Noko ke, zintlungu zetu sazifunqulayo, nentsizi zetu sazitwala; kanti tina sasibala ukuba sibetiwe, sibulewe ngutixo, sibandezelwe nguye.
5Kodwa sasihlatywa ngenxa yezigqito zetu, sasityunyuzwa ngenxa yezikohlakalo zetu: ukwohlwayelwa uxolo lwetu bekupezu kwaso; nangemivimbo yaso sinokupiliswa.
6Tina sonke, njengegusha, silahlekile; abanye ngabanye sijikele kwezetu indlela; kodwa uyehova uhlisile pezu kwaso ukukohlakala kwetu sonke.
7Saxinwa, sabandezelwa, koko singavulanga umlomo waso; sar̔olwa njengemvana isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba igusha ebusweni babaguguli bayo isidenge, kwa njalo asivulanga umlomo waso.
8Kwa sentolongweni nasekugwebeni sasisuswa; nesizukulwana saso ngubanina oya kusixela? ngokuba sibe sinqunyulwa emhlabeni wabahleliyo; ngenxa yokugqita kwabantu bam sasibetwa.
9Kwamiselwa incw̔aba laso nabakohlakeleyo, koko sabesinesityebi ekufeni kwaso; ngokokuba besingenzanga ubudlwengu, nokuba bekungeko inkohliso emlonyeni waso.
10Kodwa uyehova ebetanda ukusityumza; wasivisa ubuhlungu.
Nxa siya kuzenza idini letyala, siya kubona inzalo, siya kwolula imihla, nentando kayehova iya kulungiseka esandleni saso.
11Emva kwosizi lwompefumlo waso, soyibona, sokoliswa: ngokwaziwa kwaso, isicaka sam esilungileyo sogwebela abaninzi; ngokuba izikohlakalo zabo siya kuzitwala.
12Ngoko, ndiya kusahlulela isahlulo pakati kwabakulu; sasiya kwahlulelana nabanamandla amaxoba; ngenxa yokuba satululela ekufeni umpefumlo waso, sabalwa nabagqiti, nesono sabaninzi sasitwala, nabagqiti sabatandazela.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.